Kufuneka isebenze nzima iChippa kwimidlalo yayo

UMxolisi Macuphu weChippa United ebhiyoza kumdlalo weAbsa Premiership 2017/18 wabo neOrlando Pirates eBhayi ekuqaleni kwalo nyaka ©/BackpagePix

Emva kokungakwazi ukuqokelela amanqaku apheleleyo kwimidlalo emibini edlulileyo, iChippa United izibhaqa inyanzelekile ukuba iyiphumelele yonke imidlalo yayo eshiyekileyo ukuba ifuna ukubethelela indawo yayo kwiTop 8.

Eli qela leMpuma Koloni lidlale ntanganye ngeqanda macala neBloemfontein Celtic kumdlalo obuseDr Molemela Stadium ngoLwesibini wale veki.

Lo mdlalo ulandela omnye iChippa edlale ntanganye kuwo ngo’1-1 neAjax Cape Town kutshanje eBhayi.

Okwangoku iChippa, isengaphakathi kwiTop 8 ngamanqaku angamashumi amathathu anesihlanu – kodwa ingxaki ejongene nayo kukuba mane amaqela afuthela emagxeni kuyo futhi anokuyityhalela ezantsi ukuba ayaphumelela, yona xa ingayiphumeleli eyayo imidlalo.

Isizini ephelileyo yaphela abantu baseMpuma Koloni bebambe izibilini ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChippa.

IChippa iyibeke yacaca injongo yayo kule sizini: ifuna ukubethelela indawo yayo kwiTop 8. Ingenzeka lo nto nakubeni ilahle amanqaku kwimidlalo emibini.

Kule mpelaveki, iiChilli Boys zamkela iSuperSport United engeza kuyo ikelemile kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ozakube useSisa Dukashe Stadium.

Kunyanzelekile abadlali beChippa bakhuphe onke amandla wabo kulo mdlalo wangempelaveki ukuba bafuna impumelelo, kungenjalo, iqela lingazibhaqa lisilwela ukusinda ezembeni kwakhona.

Amatsatsantsa a Pitori akaqhubanga kakuhle kwimidlalo yawo eliqela kule sizini, kodwa izinto zingajika ngoba engafuni ukuzibhaqa ethotyiselwa.

UKaitano Tembo kunyanzelekile aze eMonti eneqhinga lokunqanda iifolosi zeChippa eziyingozi ezifana noMxolisi Macuphu noLinda Mntambo.

KwangoMgqibelo njalo, iMamelodi Sundowns kulindeleke ukuba iqinisekise ukuba iyayithatha indebe yePSL kule mpelaveki xa isamkela iAjax Cape Town kumdlalo ongentsimbi yesithathu emalanga eLucas Moripe Stadium. Wona Amakhosi aza kuzama ukulungisa izinto xa edibana neMaritzburg United emva kokubethwa yiGolden Arrows ngo’2-0 ekuqaleni kwale veki. Omabini la maqela azakube esilwela indawo yesithathu kwimidlalo yawo eshiyekileyo.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Platinum Stars @Princess Magogo Stadium, 15:00; Baroka FC vs Bloemfontein Celtic @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Free State Stars vs Polokwane City @Goble Park Stadium, 15:00; Cape Town City vs Orlando Pirates @Cape Town City, 15:00; Bidvest Wits vs AmaZulu FC @Bidvest Wits Stadium, 15:00