Eli qela laseKapa liphumelele umdlalo walo wesibini izolo kule sizini ka’2016/17 emva kokubetha iDowns ngo’2-0 kumdlalo we-Absa
Amakhwenkwe kaMenzo azijulile kwakuko kwiintshatsheli ze-Afrika futhi khange abonakalise noluncinane uvalo emva kokuba zivuthulule
UMenzo uthi ebesazi ukuba abadlali bakhe abaphazamisekanga emdlalweni – igowili ebelilindele lona, kwezeke njalo ngokwenene.
“Ndiyazingca ke ngeli qela, mkhulu umsebenzi esiwenzileyo kwezi veki zimbalwa ezidlulileyo. Siphuma ebunzimeni,” utshilo uMenzo kwiSuperSport emva komdlalo izolo,”
Le ndedeba ithi ifuna i-Ajax ifunde kwiSundowns indlela yokudlala.
“indlela esidlala ngayo isoloko ikwizinga eliphezulu kakhulu. Uzinzo eqeleni ulubona xa iqela lihlasela naxa lizikhusela. Jonga iSundowns xa idlala, inazo zonke ezo zinto. Kufuneka sifunde apha kwiSundowns, kufuneka siwuphuhlise umdlalo wethu. Kubalulekile ukwenyusa isantya somdlalo xa abadlali behlasela – kodwa bakwazi nokuyigcina kubo ibhola emdlalweni,” utshilo uMenzo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo