“Kufuneka siziqaqambise kwiSuper Rugby” – Deon Davids

Abalandeli bombhoxo bazakuxhelelwa exhukwane ukusukela kule mpelaveki. Imidlalo yeSuper Rugby iyaqala kwiindawo ezakuhlukeneyo. Iqela eliphambili eMpuma Koloni, iSouthern Kings, zizimisele ukuqala kakuhle emva kokugutyungelwa ziingxaki ngakumbi kwisizini edlulileyo. Eli qela lizinze eBhayi laqala ukudlala kwiSuper Rugby ngo’2013 – ngoku lizimisele ukubeka ngemva konke okwenzeke ngaphambili. Umqeqeshi weKings, uDeon Davids, usebenzile neli qela kumalungiselelo wale sizini kwaye unethemba lokuba izinto zakuthi zilihambele kakuhle. Umdlalo wokuqala weKings uzakube useNelson Mandela Bay Stadium – zamkela izidlakela zabadlali zeJaguares yase-Argentina ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo.

IJaguares ziza eBhayi zinabadlali abangekhoyo abafana noJuan martin Hendandez, uNicolas Sanchez noMartin Landajo abakhonkxwe ngumonzakalo. IiKings zingafumana ithuba lokuvula isizini kakuhle ukuba ziyaphumelela kulo mdlalo futhi zibonise ukuba ayizodyongo kumbhoxo wehlabathi. UDavids uzimisele ukubethelela umkhwa wokuphumelela imidlalo zisuka kule sizini ngabo badlali bangajongelwanga ntweni ngamaqela amaninzi apha eMzantsi Afrika. “Ukuphumelela imidlalo kuye kufane nokubethwa emidlalweni – kuthi kubalulekile ukuya kule midlalo ngokukhulu ukuzimisela,” utshilo uDavids.

“Siyayazi sidlala neqela eliphezulu ngokomgangatho – kodwa asizimiselanga kuzikhathaza ngabo. Okubalulekileyo yinto ekufanele siyenze emdlalweni. Kulo mdlalo sizakudlalisa abadlali bethu abatsha nabo banamava,” utshilo uDavids.

Lo mqeqeshi ufuna iqela lakhe lidlale umdlalo ophucukileyo kwiSuper Rugby. “Le yiSuper Rugby, kufuneka kucace. Umdlalo uzakuhamba ngesantya esiphezulu futhi kuzakusetyenziswa amandla – kufuneka simelane nazo zonke ezo zinto. Kufuneka siwunyuse umgangatho,” utshilo uDavids.

Ukuphumelela kweKings kuzakuthi kufunqule ukuzithemba ebadlalini.

Kings: Chrysander Botha, Makazole Mapimpi, Berton Klaasen, Waylon Murray, Malcolm Jaer, Lionel Cronje, Louis Schreuder, Ruan Lerm, Stefan Willemse, Andisa Ntsila, Mzwanele Zito, Irne Herbst, Ross Geldenhuys, Michael Willemse, Schalk Ferreira (kapteni).

Amalalela: Martin Bezuidenhout, Schalk van der Merwe, Chris Heiberg, Tyler Paul, Chris Cloete, Rudi van Rooyen, Masixole Banda, Luzuko Vulindlu

Jaguares: Joaquín Tuculet, Matías Orlando, Matías Moroni, Jerónimo de la Fuente, Santiago Cordero, Joaquín Díaz Bonilla, Gonzalo Bertranou, Leonardo Senatore, Pablo Matera, Tomás Lezana, Matías Alemanno, Guido Petti, Felipe Arregui, Agustín Creevy (captain), Lucas Noguera Paz. Replacements: Julián Montoya, Santiago García Botta, Cristian Bartoloni, Marcos Kremer, Rodrigo Báez, Felipe Ezcurra, Santiago González Iglesias, Ramiro Moyano