Kufuneka zilungise ukuhlala iiProteas

IiProteas ziphulukene noothinti abasixhenxe kwimizuzwana embalwa xa bezibethwa yiAustralia ngemitsi engamashumi amathathu anesixhenxe.

UDavid Warner wenze imitsi elikhulu ityeli lesithandathu kumdlalo wosuku olunye, emva kokuba i-Australia ixhome intaba yemitssi eyi’288.

Kwimpendulo yazo iiProteas khange zikwazi ukuqabela ngapha kwale mitsi, kuba baphume bonke abadlali beqela lalapha ekhaya benemitsi eyi’252. Iziphumo ngezibe zibi ngaphezulu kunoku ukuba * -Imran Tahir noKagiso Rabada bebengakhange bafake eminye imitsi elishumi elinanye.

Iqeka likaRusell Domingo liqale kakuhle, kwaye uHashim Amla noFaf du Plessis benze kakuhle njengabadlali abavulayo. UQuinton de Kock uye wawehlisa umgangatho emva kwesi sibini kuba yena uphume enemitsi elishumi elinethoba.

U-Amla uye wakhutshwa ngokuqutyulwa nguSteve Smith. Ngelixa kusiwa uthinti ka-AB de Villiers uMzantsi Afrika ubunemitsi ey’210 ulahlekelwe ngoothinti abane, kwaye bekubonakala ngathi umdlalo usezandleni zeqela lesizwe.

Kodwa ke khange kube kudala phambi kokuba iiProteas zibambeke luxinizelelo obelufakwa yi-Australia.

UJP Duminy naye uqobisile ukubamba kwakhe iphini kodwa akahlelanga ixesha elide wakhutshwa ngu-Adam Zampa. UZampha ikwanguye nokhuphe uFarhaan Behardien kunye noWayne Parnell.

Le mpumelelo ye-Australia ithetha ukuba uzakunyuka ahlale kwindawo yokuqala kula maqela mathathu adlala imidlalo yovavanyo. Isentla kweWest Indies esenomdlalo omnye engekawudlali.

Kufuneka umqeqeshi aphinde ahlale phantsi neqela lakhe kwaye baziqeqeshe nzima phakathi evekini ukulungiselela umdlalo olandelayo.