Kufunyenwe abadlali ababini beneKhorona kwiChiefs emva kovavanyo ngoLwesihlanu

Kaizer Chiefs team picture during the Absa Premiership 2019/20 match between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at the FNB Stadium, Soweto on the 29 February 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngenjikalanga
yanamhlanje, iKaizer Chiefs ikhuphe isaziso esithi kubhaqwe ikhorona ebadlalini
bayo ababini. Emva kokuba uMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi Mthethwa, enike
amaqela adlala kwiPremier Soccer League ilungelo lokuqala ukuzilolonga
kwabadlali ezinkampini – Amakhosi aqhube uvavanyo olubandakanye abadlali
nabasebenzi bonke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo eNaturena. Ngelishwa,
iziphumo zabadlali ababini zibuye zisithi baneKhorona nangona bekungekho namnye
umntu obonakele eneempawu zayo. “Emva kokuba kuvavanywe bonke abantu ngoLwesihlanu
weveki ephelileyo, kufunyenwe ichaphaza lekhorona ebadlalini ababini. Ngethuba
kusenziwa uvavanyo, bonke abantu bebehloliwe ngamagosa ezempilo noogqirha
beqela – kodwa akukho namnye umntu obonise iimpawu zeKhovithi-19,” itshilo
ingxelo ekhutshwe yiChiefs namhlanje.

“Phambi
kokwenziwa kovavanyo, oogqirha bathe mabeze ngokuza abadlali kuba befuna ukunqanda
ukosulelana kwabantu. Emva kokufumana iziphumo, iqela liye laqinisekisa okokuba
abadlali abanekhorona bahlala kwiindawo ezikhethekileyo. Kwezo ndawo, baza
kuhlala ishumi alinesine leentsuku. Emva kweeveki ezimbini, baza kuvavanywa
kwakhona phambi kokuza enkampini,” itshilo iChiefs. Umdlali owaqala wabhengezwa
njengonekhorona ebholeni yaseMzantsi Afrika yaba nguBen Motswari we-Orlando
Pirates – kodwa sele waphila yena. Izolo iStellenbosch ikhuphe isaziso esithi
abantu abathathu kuyo bafunyenwe benekhorona. Nayo iBloemfontein Celtic yazise
umdlali-siswini, uGiven Mashikinya njengomdlali wokuqala onekhorona kuyo. Imidlalo
ye-Absa Premiershi yanqunyanyiswa kwisithuba seenyanga ezintathu ezigqithileyo
ngenxa yekhorona egqugqisa ihalabathi.