Kugqame kakhulu uMarkram ngethuba iProteas ibetha iAustralia

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika likwazile ukonwabisa abalandeli balo kule veki ngokubetha iAustralia. Oku kwenzeke emva kokuba iProteas iphumelele umdlalo wosuku olunye ngemitsi elikhulu elineshumi elinanye ngoLwesibini wale veki ePotchefstroom. Kube mnandi enkampini yoMzantsi Afrika ukufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni obalulekileyo ngoba uyinxalenye yamalungiselelo etumente yehlabathi ekuyiwa kuyo kwilizwe lase-India kwiiveki ezizayo. Emdlalweni kuye kwagqama omnye wabadlali abaphambili kwiqakamba yaseMzantsi Afrika, uAiden Markram, oyiqwabaze amalungu iAustralia wabuya nemitsi elikhulu elinambini (102).

Elo ligalelo elenziwe nguMarkram eyedwa kwimitsi engamakhulu amathathu anamashumi amathathu anesibhozo (338) kuwe oothinti abathandathu kuphela. Impumelelo yawo uMzantsi Afrika ilandele emva kokuba iAustralia ikwazile ukuphumelela imidlalo emibini kwimidlalo emihlanu yosuku olunye. UMarkram ulwile ejongene namadoda abukhali wase’Australia afana noDavid Warner noTravis Head ayibethayo ibhola kakhulu ngophini. Omnye umdlali owenze indima ebonakalayo kwimpumelelo yeProteas ngoLwesibini ibe nguKeshay Maharaj. Ufumene imitsi engamashumi asixhenxe kwiibhola engamashumi amahlanu anesithandathu aziqhokrileyo phambi kokukhutshwa kwakhe.

Emva komdlalo, uTemba Bavuma, uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wosuku olunye obusePorchefstroom. “Besiyidinga impumelelo. Sincedwe ngabadlali ebesibeke ithemba lethu kubo. Izinto azihamba ngendlela ebesifuna ngayo ekuqaleni – kodwa kuhle ngoba sikwazile ukufumana into ebesiyifuna,” utshilo uBavuma emva komdlalo. Yena uKapteni we’Australia, uMitchell Marsh, ubalule ubumanzi bebala njengonobangela wokubethwa kweqela lakhe. “Ndiyathemba ukuba kukho esikufundileyo emdlalweni esiphulukene nawo,” utshilo uMarsh emva komdlalo ekuqaleni kwale veki. Okuhle okwenziwe ngabadlali beProteas kulandele isiqalo esihle esenziwe nguQuinton de Kock noBavuma.