Kugqibele ilizwi leSafa ngemidlalo yePSL!

UDanny Jordan ongumongameli weSafa umfanekiso: Lebo Edgar/BackpagePix

Umlo ophakathi kweSouth African Football Association neNational Soccer League awukazukuphela.

Ekuqaleni kweveki, iSafa ingqishe ngonyawo phantsi ngelithi kuphethe yona ebholeni, izinto ziza kwenziwa ngexesha layo.

Kwangaxeshanye, abaphathi beNSL bavakalise ukulungela kwabo ukuqhubela phambili nemidlalo yeAbsa Premiership eyanqunyanyiswa eKwindla ngenxa yekhorona esele yosulele abantu abangaphaya kwamakhulu amabini amawaka eMzantsi Afrika nezigidi ezilishumi elinantathu kwihlabathi lonke. Kodwa iSafa ithe ngeke yenzeke lo nto.

Imidlalo ingaqala kuphela ekuqaleni kwenyanga yoMsintsi kuba kufuneka ilungise oosompempe nabancedisi babo. Ugqirha Irvin Khoza uxelele amajelo eendaba ngoMvulo wale veki okokuba imidlalo yesizini iza kudlalwa yonke kwiphondo laseGauteng ngoba inamabala amaninzi.

Lo nto ithethe ukuthi onke amaqela aza kuhlala ndawonye ukuze kuphetshwe ukosuleleka kwabadlali.

“Ngokwengxelo yekomiti yoosompempe, ixesha elilungileyo lokuqala kwemidlalo yiveki yokuqala kwinyanga yoMsintsi. Entlanganisweni ebiphakathi kweSafa neNSL kuvunyelwe ngokugqityezelwa kwemidlalo eGauteng neendawo zokuhlala. Abaphathi bemidlalo baza kuvavanywa baphinde babe phantsi kweliso legosa eliphuma kwiFIFA iintsuku ezilishumi elinesine. Kuvunyelwene ngeendlela zokhuseleko eziza kulandelwa kwaye ziza kusiwa kuRhulumente ukuze azipasise,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSafa ngoLwesibini wale veki.

UMphathiswa wezeMidlalo, uNathi Mthethwa, wanika amaqela ilungelo lokuzilolonga ezinkampini phantsi kwemiqathango yezempilo.

Amanye amaqela sele ebavavanyile abadlali abuyela ezinkampini zawo. Akukho bani waziyo ukuba kutheni iSafa ingakhange ibalungise oosompempe kwiiveki eziliqela ezidlulileyo.

UKhoza uthe onke amaqela awenzile amalungiselelo, icekwa lilele kwiSafa ethatha elayo ixesha.