Kugqityiwe: Coetzee utyikitywe yiSundowns

Umnqweno kaRivaldo Coetzee wokudlalela iqela elikhulu ufezekisiwe namhlanje emva kokuthathwa kwakhe ziintshatsheli zezwekazi le-Afrika. Lo mdlali wasemva obedlalela i-Ajax Cape Town utyikitywe yiMamelodi Sundowns ngale njikalanga eqokelela abadlali enokuthi bayincedise ekubuyiseleni ubunganga bayo kwibhola yelizwe laseMzantsi Afrika oboxuthwe yiBidvest Wits ephumelele eyona ndebe iphambini kwiPSL kwisizini edlulileyo.

Kwasebutsheni bonyaka lo, bekusoloko kukho amahum-hum athi lo mdlali ufunwa kakhulu nguPitso Mosimane kwiDowns nangamanye amaqela – kodwa kuye kwacaca phambi kokuqala kwesizini emva kokugwayimba kwalo mdlali owagqiba kwelokuba achasele kwi-Ajax Cape Town okwethutyana. Kuthe xa kusondele iintsuku zokuvulwa kwesizini wathi gqi kwabe. Kwiveki ephelileyo uphoswe kukudlalela iGlasgow Celtic yaseScotland sesenziwe isivumelwan emva kokubhaqwa kokuba wonzakele.

IDowns isebenzise le mini yokugqibela yokuthenga abadlali njengelona thuba lokuthenga abadlali abaphezulu. UCoetzee ulandela emva kwabadlali ababini abasuka kwiMDC abanyuselwe izolo nabo abalandela ukutyikitywa kuka-Oupa Manyisa osuka kwi-Orlando Pirates noGeorge Lebese obedlalela iKaizer Chiefs. Ngenxa yokwenzakala, iRivaldo Coetzee, uphoswe lithuba lokubayinxalenye yeqela lezwe loMzantsi Afrika elizakudlala neCape Verde ngomso ngokuhlwa kumdlalo ohlakulela ukuya kwi’2018 FIFA World Cup.