Kugqityiwe, uRantie ngumdlali weSundowns

Emva kwethuba elide engasayidlali ibhola ekhatywayo, ngoku uTokelo Rantie ngumdlali weMamelodi Sundowns.

Ukutyikitywa kwakhe uRantie kulandela ukuziqeqesha kwakhe kwinkampu yeDowns ithuba elide.

Kulindeleke kujongwe kuye emva kokuba iSundowns igqibe kwelokuba ibolekise ngaye uJeremy Brockie oza kudlalela iMaritzburg United kude kuphele isizini.

URantie, 28, oyifolosi eyaziwayo kakhulu kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo, utyikitye iminyaka emithathu yonke kwiDowns.

“Ewe, uRantie ngumdlali weSundowns. Ndibulela kakhulu umqeqeshi (uPitso Mosimane) omnike ithuba abantu sebesithi kuphelile ngaye. Ewe, ebenazo iingxaki ebenazo kodwa konke oko kugqithile ngoku,” utshilo uKgori Dinho Mokoro, umanejala kaRantie.