Kugqugqise iFuture Stars kwitumente yamantombazana eTsomo!

IFuture Stars Ladies ziintshatsheli zetumente yaseTsomo.

Ibime ngxi iTsomo ngoMgqibelo ogqithileyo ngethuba amantombazana asakhulayo adlala ibhola ekhuphisana kwitumente ebiququzelelwe yiFemale World Foundation. Eminyakeni embalwa edlulileyo, uNksz. Nomakhwezi Manqaba wagqiba kwelokuba asungule itumente eza kudlalwa ngamaqela amantombazana adlala ibhola ekhatywayo ngenxa yomdla omkhulu wabantwana eTsomo. Isiqendu salo nyaka setumente sihambe kakuhle emva kokuba amaqela amathandathu ethathe inxaxheba.

Amaqela athathe inxaxheba kwisiqendu esivelise iintshatsheli ezintsha aquka iVutha Ladies, iGobinamba Ladies, iPioneers Ladies, iKhwezi Ladies, iZwelandile Ladies neFuture Ladies. Nakubeni iTsomo iyindawo engenazo iindawo zokudlalela ezisemgangathweni ophezulu – kodwa amantombazana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesixhenxe adlale ngokuzimisela futhi aqinisekisa ukuba agqamisa iTsomo njengendawo ephambili emidlalweni kwiphondo leMpuma Koloni.

Emidlalweni yokuqala, iVutha Ladies ibethe iGobinamba ngo’2-0, iPioneers Ladies ibethwe yiKhwezi ngo’2-0, iFuture Stars yabetha iZwelandile ngo’2-0. Amaqela aye emdlalweni wokugqibela yiKhwezi Ladies neFuture Stars. Igoduke iizintshatsheli iFuture Stars Ladies emva kokubetha iKhwezi kwiipenela.

Oku kwenzeke emva kokuba umdlalo wokugqibela uphele amaqela omabini ebambene ngo’2-2. Abadlali abaqaqambileyo: nguSiphesihle Mqakanya (nozinti wetumente), uYolani Nkwenkwezi (umdlali wetumente) noYolanda Yikana ofake amagowuli amaninzi.

Emva kwetumente, uManqaba uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba itumente ihambe kakuhle kakhulu. “Umgangatho ubuphezulu kulo nyaka. Emdlalweni wokugqibela, amaqela abambene ngamagowuli amabini. Besiqala ukufumana into enjalo ukusukela oko sayiqala itumente.

“Ingxaki esinayo apha kukuba sisenabadlali abadlala ngeenyawo. Singavuya ukuba kungakho umntu osincedisa ngezihlangu zokudlala ngoba iikiti anazo amaqela,” utshilo uManqaba, olukhuthalele ngendlela engenambaliso uphuhliso lwabantwana kwezimidlalo eTsomo nakwiMpuma Koloni ngokubanzi.