Kugqwese iMbozisa ehamba nzima kwitumente yaseXhorha!

Iqela lamantombazana lomnyazi laseXhorha. Umfanekiso: Uthunyelwe

Inkokeli yeqela lomnyazi ekuthiwa yiMbozisa Netball Club, uAlu Ntshika, ithi innethemba lokuba impumelelo ezuzwe liqela lakhe iza kukhuthaza kakhulu ulutsha lwelali yakhe ukuze lubone imidlalo njengento eguqula ubomi bomntu. Oku kuthethwe nguNtshika kweli phephandaba emva kokuba iMbozisa ibethe iHungry Lions Netball Club ngo’15-7 emdlalweni wokugqibela wetumente ebanjwa rhoqo ngePasika, iMiganu Easter Tournament, ebiseMkatalo Sports Grounds, eXhorha, kutshanje. La maqela mabini ebeyinxalenye yetumente yemidlalo entlobontlobo ekhulayo kwindawo yaseXhorha. Okubuhlungu ngabantwana basezilalini kukuba badlalela emabaleni amabini futhi neendawo abajimela kuzo zimbi.

Nangona kukho okokusokola, bazinikele emidlalweni ngoba benza into abayithandayo. Ethetha neli phephandaba ekuqaleni kwale veki, uNtshika uthe ibachulumancisile impumelelo yeMbozisa ngoba itumente bebeyilungiselele futhi baye kuye bezimisele ukuphumelela. “Kusichulumancisile ukuphumelela kwethu siyiMbozisa ngoba asinabo abaxhasi. Ukuphumelela kweqela lethu kwitumente enje yinto entle kakhulu endaweni yethu. Sinethemba lokuba oku sikwenzileyo kuza kubonisa abasakhulayo ukuba iMbozisa yakhe yaphumelela. Njengeqela elizizamelayo, sizimisele ukuya nakwezinye iitumente ukuze kuphuhle izakhono zolutsha oludlala ibhola yomnyazi endaweni yethu.

Singabantwana abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu. Sifuna ukutsala umdla wolutsha ukuze kwehle izinga lokuselwa kotywala, ukukhulelwa kwabantwana abancinane batsho bazi ukuba imidlalo iyamakha umntu,” utshilo uNtshika. Itumente ibinkulu kakhulu. Ngamashumi amabini anesine amaqela omnyazi abeseMkatalo ngePasika. Kanti ibingamashumi amabini wamaqela ebhola ekhatywayo. Kwibhola ekhatywayo, iReal Brothers iphakamise indebe emva kokubetha iCoastal United ngo’5-4 kumapenela. “Imidlalo ihambe kakuhle kakhulu futhi nomgangatho ubuphezulu emabaleni. Sivuyiswe kakhulu linani labantu ebelizile. Bekukuhle ukubona kukho nabazali. Sibulela kakhulu. Amaqela aphumeleleyo afumene iindebe nemali ngaphezulu.