Iphulo lophuhliso leqakamba ekuthiwa yiKFC Mini-Cricket Programme libambisene neCricket South Africa lithe ndlelantle kubaqeqeshi abaliqela ekufike ixesha lokuba bathathe umhlalaphantsi. Oku kwenzeke kwingqungquthe yeqakamba ebibanjwe kutshabje eHermanus – apho bekudibene abaqeqeshi beqakamba abaqikelelwa ngaphaya kwekhulu elinamashumi amathathu.
Injongo yengqungquthela ibikukukhangela amaqhinga amatsha okunabisa iinkqubo zophuhliso zeqakamba eMzantsi Afrika. Abathathe umhlalaphantsi nguDaphine Vezi weCentral Gauteng League, uJack Mahoney, uHendrik van Uys, uPhilepine Setlau waseMpumalanga, uPatricia Matimbe, uChristina Songo noPhilanande Progress Hebe weBorders.
Bonke bebeziintsika zeyona nkqubo yophuhliso enkulu eMzantsi Afrika exhaswa nguKFC. Ukusukela oko yasungulwa kwiminyaka eyadlulayo, ifundise inkitha yabantwana abancinane iqakamba ezikolweni yalola nezakhono zabo ngoncedo lweCricket SA.
Ngabaqeqeshi abafana noHebe abenze abantwana abancinane bawuthanda umdlalo weqakamba. Akuphelelanga apho ngoba baqinisekise ukuba bakha abadlali abaza kuziphatha kakuhle futhi baphinde babelulutho eluntwini.
UMphathi wezeentengiso kwaKFC, uAndra Nel, uthe umsebenzi owenziwe ngabaqeqeshi abayekileyo soze ulityalwe kwiqakamba. “Njengokuba sikhapha abaqeqeshi bethu abathatha umhlalaphantsi, umsebenzi wabo usikhumbuza ukubaluleka kokusebenza kungekho nzuzo umntu aza kuyifumana,” utshilo uNel.
“Abantwana abaqeqeshwe nini abafundanga ukudlala iqakamba kuphela, bafunde ukusebenzisana nabanye abantu, ukuziphatha phakathi kakuhle phakathi kwabantu nokunyamezela. Ukuzinikela emsebenzini okuboniswe ngabaqeqeshi kusikhuthaza kakhulu ukuze nathi siqine emsebenzini wethu wokwakha intlalo ebhetele.
“Sifuna ukwenza ilizwi lombulelo kuwo onke amagqala wethu ngoba asebenze ngokukhulu ukukhuthala futhi aqinisekisa ukuba ashiya isiseko esomeleleyo emdlalweni weqakamba kwilizwe lonke,” utshilo uNel weKFC Mini-Cricket Programme.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo