Kukhalwa ngomkhethe wesebe likaMajodina

Umgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika unika umntu ngamnye ilungelo lokuzikhethela umbutho afuna ukuhambisana nawo – kodwa ngo-2018 umbutho wamadoda aphakamisa iintsimbi obizwa ngokuba yiPhysical Culture Association ukhala ngomkhethe owenziwa lisebe leZemidlalo elikhokelwa ngumphathiswa uPemmy Majodina.

Umongameli weBorder PCA, uChris Nguta, uxelele eli phephandaba ngokuchwethelwa ecaleni kombutho wabo xa kukhutshwa inkxaso lisebe lezemidlalo.

UNguta uthi amalungu wePCA ankqonkqoze amatyeli amaninzi kumnyango wesebe leZemidlalo kweli phondo engabuyi nanto. Impendulo ayinikwayo ithi isebe lixhasa amalungu ombutho ekuthiwa yi-IFBB kuphela.

Izigantsontso ezimnyama neziphakamisa iintsimbi zihamba nzima ngoba uninzi lwazo azikwazi ukumelana neendleko zalo mdlalo.

Amalungu wePCA ancathame endaweni yomlungu eQonce ngoba akakwazi ukuzithengela izinto zawo. Kule minyaka iphelileyo, oosozoso balapha eMpuma Koloni bafumene amathuba okuya kukhuphisana nabanye kumazwe aphesheya – kodwa abakwazanga ukuya ngenxa yokungabinayo imali.

“Isebe leZemidlalo lithi lisebenzisana ne-IFBB, lo mbutho ufana nalo wethu. Lo nto ayilunganga ngoba asinyanzelekanga ukuba sibe ngamalungu wayo thina. Sisemdlalweni omnye qha kukho abantu abanegunya kwisebe leZemidlalo abaxhaya amalungu wethu,” utshilo uNguta.

“Baninzi kakhulu abantu bePCA abajikiweyo lisebe befumene ithuba lokuya kudlala eYurophu. Abayinikwa inkxaso ngenxa yokuba bengeyiyo le IFBB banyanzelwa ngayo. Sizimisele ukulwa ukuze liqonde isebe ukuba ikhona imibutho yabantu abaphakamisa iintsimbi apha kwiBorder. Isiphatha kakubi kakhulu le nto ngoba iyawucinezela umdlalo wethu. Abantu abamhlophe bayakwazi ukuzenzela izinto – thina asikwazi,” utshilo uNguta.

Isebe leZemidlalo aliphikanga ukuba lisebenzisana noosozoso abaphuma kwi-IFBB kwaye lithe lisebenzisana nemibutho ephantsi kukaSascoc.

pedro.mapelo@inl.co.za