Kusuku
lwesithathu iqalile iFIFA World Cup ka-2018 eRussia, kukhangeleka ngathi
intlambo yokufel’amahashe yiAfrika. Mathathu amazwe ase-Afrika abethiweyo
kwimidlalo (yayo) yendebe yehlabathi ukuzothi ga ngoku. INigeria ebethwe ngo’2-0
omhle yiCroatia kumdlalo obumhle eKaliningrad Stadium kubusuku banamhlanje. Abadlali
beNigeria bathembisile ekuqaleni komdlalo; ibhola banikele ngayo kakuhle
besebenzisa isantya – kodwa iCroatia ukwazile ukubavala emaphikweni naseswini. Iimpazo
ezenziwe ngabadlali beNigeria ziya zababhenca ukuba uninzi lwabo ngabadlali
abasebatsha kwinqanaba lehlabathi.
Umdlali
wasemva u-Etebo uwugwaze ekhaya umkhonto, ngalo ndlela ibangele iCroatia ihambe
phambili ngegowuli kwisigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini uLuka Modric ufake
ipenela yaba iCroatia iyawuphumelela umdlalo wayo wokuqala kwi-2018 FIFA World
Cup ngo’2-0 omhle. Umdlalo wayo iCroatia ubumhle kwaye iye ebaleni iyifundile
indlela abadlali beNigeria abadlala ngayo. Nakubeni kunjalo, iNigeria izamile
ukudala amathuba ebeyimiphumela yomdlalo wayo omhle – kodwa ngelishwa iinzame
zabadlali azizelanga mathokazi. IMorocco,
i-Egypt neNigeria – onke la mazwe abethiwe. Kwimidlalo yendebe yehlabathi,
yiNigeria ebekuthenjelwe ngayo ngabantu base-Afrika ngenxa yabadlali abaphezulu
enabo.
CROATIA: Danijel Subasic, Sime Vrsaljko, Ivan Strinic,
Ivan Perisic, Dejan Loveren, Ivan Rakitic, Andrej Kramaric, Luka Modric, Ante
Rebic, Demagoj Vida.
NIGERIA: Francis Uzoho, Bryan Idowu, Wafred Ndidi,
William Ekong, Leon Balogun, Oghenekaeo Etebo, John Obi Mikel, Victor Moses,
Abdullahi Shehu, Alex Iwobi.
Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!