Kukho iimbuso ezintsha kwiiBoks

U-Allister Coetzee, umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, iSpringbok, uchonge iqela lakhe okokuqala ukusukela ethathe iintambo njengomqeqeshi.

Lo kaCoetzee ubize iqela alithatha ukuba litsha emva kokuba ebize abadlali abasithoba abangazange badlala kweli qela ngaphambili.

Eli qela lilungiselela imidlalo eliqela yovavanyo elizakuyidlala ne-Ireland eKapa, eGoli naseBhayi. UCoetzee akalibhengezanga igama likaKapteni ngempelaveki kuba esithi ufuna ukuzipha ixesha nabadlali phambi kokuba athathe isigqibo. “Baninzi abadlali abanokukhokela kweli qela.

Igama likaKapteni ndakulibhengeza phambi komdlalo oseKapa phakathi kwethu [Springbok] ne-Ireland,” utshilo uCoetzee.

Abadlali abachongelwe okokuqala kwiiBoks ngaba: Garth April, Ruan Combrinck, Faf de Klerk, Nic Groom, Steven Kitshoff, Jaco Kriel, Bongi Mbonambi, Sikhumbuzo Notshe and Scarra Ntubeni.

Kweli qela likaCoetzee litsha, oyena mdlali onemidlalo emininzi nguTendai Mtawarira. Udlale imidlalo engamashumi asixhenxe nesihlanu, ulandelwa nguJP Pietersen, Adriaan Strauss noPatrick Lambie.

Iqela elipheleleyo lime ngolu hlobo:

Willie le Roux, JP Pietersen, Ruan Combrinck, Lionel Mapoe, Jesse Kriel, Damian de Allende, Jan Serfontein, Lwazi Mvovo, Patrick Lambie, Elton Jantjies, Garth April, Faf de Klerk, Rudi Paige, Nic Groom, Duane Vermeulen, Warren Whiteley, Siya Kolisi, Jaco Kriel, Sikhumbuzo Notshe, Francois Louw, Pieter-Steph du Toit, Eben Etzebeth, Lood de Jager, Frans Malherbe, Julian Redelinghuys, Adriaan Strauss, Bongi Mbonambi, Scarra Ntubeni, Trevor Nyakane, Tendai Mtawarira, Steven Kitshoff.