Inkqubo yokuqeqesha kwididi elabangahlawulwayo lahlulwe yazi zigaba ezithathu ngokwenkqubo elandelwayo. Iqela lokuqala lelabasafikayo ekuqeqesheni (Level 1 & 2). Eli qela kufuneka liqeqeshe liphele kwisigaba sephondo. Elesibini iqela labaqeqeshi sisigaba sesizwe (level 3). Lona umda walo uphela ekuqeqesheni kwimidlalo yokhuphiswano lesizwe. Iqela elilandelayo lelivumeleke ukuba lingaqeqesha kwimidlalo yehlabathi (Star 1- 3). Ngokweenkcukachamanani, kunyaka ka 2022, kwisigaba sabangahlawulwayo eMpuma Kapa, kunabaqeqeshi abangamashumi asibhozo anesine(84), amaqela amanqindi angamamakhulu mabani amashumi alithoba nesithandathu (296).
Kubaqeqeshi abakwididi lephondo, bebonke bangamashumi asixhenxe ananye (71). Abasethyini balishumi elinesibini (12) kuphela, kwelesizwe iqela bebonke basixhenxe kanti owasegoqweni mnye kuphela. Iqela elivunyelwa ukuthabatha inxaxheba kwihlabathi linabathandathu. Kulo abasethyini babini kuphela. Xa ujonga ezi nkcukachamanani, ujonge nomthamo wamaqela akhoyo kwiphondo, ithetha ukuthi uxanduva lokuvelisa abaqeqeshi abasemgangathweni ophezulu ise yingxaki ekhulu ngakumbi kweli cala lamanenekazi. Ndikhethe ukwenza umzekelo ngeenkcukachamanani esigaba sabangahlawulwayo kuba kulapho imveliso ikhoyo, kodwa xa ugxeleshe nakwisigaba sabahlawulwayo, akukho mahluko ungako ngokwesimo.
Andinazo iinkcukacha ezaneleyo endinokuzibeka elubala. Makhe sihle amahlongwane ukubaluleka kokongezwa kunikwe nezakhona abaqeqeshi, ingakumbi abasethyini. Xa ujonge ukukhula kwabadlali bamanqindi abangamantombazana kweli phondo, kuya nyanzelisa ukuba nenani labaqeqeshi abangomama abalinani elibonakalayo. Kunezinto amantombazana akhululekayo ukuzixoxa nabantu abangomama. Yiyo lo nto ke xa engumqeqeshi, kubalulekile ukuba ube nesakhono esigqibelelyo sokuqubisana nemicimbi echaphazela iimbethimanqindi ezingoomama. Uninzi lweembethimanqindi zethu zikhulele kumakhaya akhokelwa ngumzali omnye, ubukhulu becala iba ngumama.
Xa kukho nomqeqeshi ongumama kuza kubalula kwiimbethimanqindi ukunxulumana ngezinye izinto umqeqeshi oyindoda angakwaziyo ukungena kuzo. La malinge ke awasengeli phantsi isakhono sabaqeqeshi abangamadoda, koko aqinisa apho kungayekeyeke khona. Luxanduva esinalo olu siziinkokheli. Kufuneka siphume iphulo siyokufuna abaqeqeshi basethyini sibaqeqeshe ukuze siqinisekise ukuba iqela ngalinye elinamantombazana kukho umqeqeshi wasethyini. Imibutho kaBSA noSANABO mayizeke emzekweni, ifake izandla ezipokwetheni kulandwe abo basetyhini babesayakuba ngabadlali bamanqindi nabanye abathembisayo ukuze balolwe kuvalwe nomsantsa wokungalingani. Phambili ngokufunqulwa kwezakhono zabaqeqeshi abangomama.
Izimvo zezikaSonwabo Nogqala.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10