Kukho inkumanda entsha kuMthatha Bucks!

Ian Palmer

Emva kweentsuku ezimbalwa kugxothwe uVelile Dyaloyi njengomqeqeshi oyintloko woMthatha Bucks, abalawuli beli qela khange baphozise maseko. Babhengeze indoda eyaziwayo kwibhola yoMzantsi Afrika jikelele – uIan Palmer.

Le ndedeba, eyayifudula idlalela i-Orlando Pirates ngeminyaka yayo, igaleleka kweli qela laseMthatha emva kokuthatha ikhefu emva kokukhathazwa yimpilo.

UMthatha Bucks wohlukene noDyaloyi owafika kuMathol’amnyama phambi kokuphela kuka-2015 kunzima kakhulu – kodwa ngethamsanqa wakwazi ukuwasindisa ezembeni. Ulishiya eli qela lihleli kwindawo yesixhenxe kwiNational First Division. Isizathu esibangele akhululwe kuthiwa kukho ukungaqondani phakathi kwabalawuli ngendawo elikuyo iqela nendawo abafuna ukuba libekuyo ekupheleni kwesizini.

Ingqonyela yoMthatha Bucks, uLunga Tukute, ikuthethelele ukuqeshwa kukaPalmer ngelithi yindoda enamava nembali ecacileyo kwibhola yoMzantsi Afrika. “Amava anawo nokusebenza ngokuzimisela zezinye zezinto ezibangele simqashe uPalmer. Ulwazi lwakhe oluphangalaleleyo ngebhola ekhatywayo kwiNational First Division kusinyanzele ukuba sikhethe yena,” utshilo uTukute.

UPalmer uyitshaye isaqhuma ngoba kuvakala into ethi ebelakhele umkhanyo iqela lakhe elitsha ngethuba lidlala imidlalo yokucweya neTornado ne-EC Bees kwilokishi yaseGinsburg, eQonce, kwimpelaveki edlulileyo. Abaphathi baMathol’amnyama bathembise ngokuyixhasa ngokupheleleyo le ndedeba kwiinzame zayo zokuguqula izinto kwiBucks. Ingxaki ajamelene nayo uPalmer kukunqongophala kwabadlali abafaka amagowuli.

Yenye yezinto leyo ephazamise kakhulu uDyaloyi emsebenzini wakhe nangona wayeqale kakuhle isizini ka’2016/17. Umsantsa ophakathi kweBucks mkhulu kakhulu – kodwa ithuba enalo, ukuba iyayiphumelela imidlalo yayo, kukuvala le sizini iphakathi kwamaqela aphambili ayakuthi afumane ithuba lokudlalela ukuya kwiPremier Soccer league.