Kukho umqeqeshi woonozinti omtsha kwiChiefs!

ULee Baxter, umqeqeshi woonozinto beKaizer Chiefs omtsha, ngethuba esamkelwa nguSteve Komphela, eNaturena namhlanje. Umfanekiso: Kaizer Chiefs

Amakhosi
anomqeqeshi wonoozinti omtsha ongene endaweni ka-Alexandre Roveredo, osweleka ekuzeni
kuphela konyaka ophelileyo (2017) ngesaquphe emva kwengulo emfutshane. Namhlanje
abaphathi beKaizer Chiefs babhengeze uLee Baxter – unyaka kaStuart Baxter
obeqeqesha iChiefs ngaphambili – njengomqeqeshi omtsha ozakuthi ajongane
nonozinti baseNaturena. ULee Baxter lo ugalele eNaturena emva kokusebenzela
iSuperSport United isithuba esiphaya kwiinyanga ezintandathu. Le ndedeba
unesivumelwano neChiefs kude ibe ngunyaka ka-2020.

UBaxter uxelele
ikhasi lomnatha leChiefs (website) ukuba uyalwamkela uxanduva lokusebenzela
iChiefs. “Siyamamkela uLee kusapho lwaMakhosi. Ukuqeqesha oonozinti ngumsebenzi
wabantu abanesakhono esikhethekileyo. ULee usibonisile ukuba kukhulu afuna
ukwenza kwikamva lakhe kwaye sinethemba lokumfimfitha amava wakhe awafumene
eYurophu. Njengokuba sizise uLee apha, senziwe kukuba sijonge ukukhiqiza
oonozinti kumaqela wethu amancinane,” utshilo uBobby Motaung.

UBrian Baloyi –
obekade elibambela – ngoku uzakubuyela kwisikhundla sokuqeqesha amaqela
abadlali abatsha. ULee kulindeleke abeyinxalenye yeChiefs kumdlalo olandelayo
kule veki.