Kukhonya iCape Town City, eKapa

Kwiveki ephelileyo abalandeli bebhola ekhatywayo babukele idabi laseKapa okokuqala phakathi kweCape Town City efikayo eNtshona Koloni ne-Ajax Cape Town.

Kuninzi obekunika umdla ngalo mdlali ngenxa yembali kaJohn Comitis ne-Ajax awayengumphathi wayo, uRoger de Sa no-Eric Tinkler abasebenze kunye ngethuba beqeqesha iBidvest Wits ne-Orlando Pirates kwiminyaka eyadlulayo. La maqela adlalale umdlalo omhle kakhulu kwiveki ephelileyo. Iqela elitsha, iCTC, lawuphumelela ngo’1-0 umdlalo wokuqala wala maqela.

Igowuli lempumelelo lafakwa nguBhongolwethu Jayiya. Nanona engasoze atsho esidlangalaleni uComitis – kodwa ngaphakathi wayifumana impindezelo emva komlo owakhokelela ekuhambeni kwakhe kwi-Ajax. Ngoku iqela eligqubao eKapa yiCape Town City. Le mpumelelo yalufunqula iqela likaTinkler – kodwa yona i-Ajax isasokola kwicala leziphumo oko iqalile le sizini intsha yePSL.

Emva komdlalo uJohn Comitis wathi unethemba lokuba umdlalo wala maqela aseKapa uzakuthi ukwazi ukukhula ude ufikelele kwinqanaba elilingana nalowo wamaqela aseSoweto.