Kukude engqinibeni kwekaPitso neSundowns

UPitso Mosimane ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns

Intsindabadala ephakathi kukaPitso Mosimane neMamelodi Sundowns ayikabinaso isisombululo.

Kule veki, iSundowns izikhabe ngawo omane iingxelo ezithe iqela nomqeqeshi bavene ngesivumelwano sengqesho esitsha. Sekulithuba elide uPitso neDowns bengade basityikitye isivumelwano.

Iingxelo zathi umqeqeshi ufuna ukunikwa ilungelo, ngoku angumqeqeshi weDowns, lokuzakhela iziko aza kuphuhlisa kulo abadlali abasakhasayo ecaleni.

Noxa yena eyithethe amatyeli amaninzi into ethi usafuna ukuba ngumqeqeshi weSundowns kodwa kuyabonakala okokuba izinyanzeliso zakhe khange zamkelwe ngabaphathi beqela.

Yiyo lo nto kude kwaleli xesha kungekacaci nokuba uPitso uya kuhlala na njengomqeqeshi kwiDowns. Abaphathi bakhe bathe lulwimi lwasetywaleni izinto ezikhutshwe ngamajelo eendaba.

Xa kufike ixesha baza kusenza isibhengezo ngokusesikweni. Asikavuselelwa isivumelwano sengqesho somqeqesho, umongo wengxelo ekhutshwe yiSundowns utshilo.

“IMamelodi Sundowns ikuqaphele okujikeleze kumajelo eendaba kwiinyanga ezigqithileyo malunga nesivumelwano sengqesho sikaPotso Mosimane. Umgaqonkqubo weSundowns uthi masingaluphenduli ulwimi nobuxoki. Iqela liza kusenza isibhengezo ngomba wesivumelwano sikaMosimane ngexesha elifanelekileyo nangokwesiko nesithethe salo,” itshilo ingxelo.

Kwelakhe icala, umqeqeshi waxelela amajelo eendaba okokuba wawathumela onke amaxwebhu aqulethe akufunayo ukuze abaphathi bakwazi ukuthatha isigqibo ngekamva lakhe.

Eminyakeni engaphaya kwesihlanu uPitso engumqeqeshi weSundowns, iindebe aziphumeleleyo ziquka ezePSL, iNedbank, iTelkom Knockout, iCaf Champions League neSuper Cup.

Alikacaci kakuhle nelikaManqoba Mngqithi ikamva ngoba naye kufanele avuselele isivumelwano sengqesho ukuze ahlale kwiqela lasePitoli.

Amasandawana asenethemba lokukhusela isicoco sawo nangona entla kwawo kusahleli iKaizer Chiefs evule umsantsa wamanqaku aliqela.