Kwiveki ezayo iyaqala ngokusesikweni isizini yePSL ka’2017/18, kungoko abaphathi bamaqela bethe sa iinzanwe bezama ukufumana konke okunothi kuncede amaqela wabo.
Kuxakekiwe nakwi-Orlando Pirates – kodwa ezona ndaba ziphambili kuyo zithi uTebogo Moloi noMilutin Micho Sredovevic bangabuyela kwiPirates phambi kokuqala kwesizini.
Umqeqeshi wePirates uKjell Jonevret ulahlile kwisikhundla sakhe, ngokwesibhengezo esivakale izolo.
Oku kuza emva kokuba iBucs ivale isizini ingafumananga ndebe. Kuvakala ukuba indawo yakhe ingavalwa nguMicho okucingeleka okokuba angancediswa nguMoloi – oshiye iChippa United ngesaquphe kwiveki ephelileyo.
UMicho uthele thsuphe abalandeli bakhe kuTwitter okokuba eya endaweni ethile – kodwa angayichazanga. Kuthiwa uboniwe eGoli, into eqinise ngakumbi amahum-hum okuya kwakhe kwiPirates.
Kuvakala ukuba uMoloi unawo umnqweno wokubuyela kweZimnyama.
“Nam ndiyiva ezindabeni into kaMicho – kodwa ukuba uyandifuna, izandla zam ndizivulile. Ekhaya kuyohlala kusekhaya, kwiPirates kulapho ndikhulele khona,” utshilo uMoloi.
UMicho ulahle kutshanje njengomqeqeshi welizwe lase-Uganda. Ngaphambili le ndedeba yayikhe yangumqeqeshi weBucs.
IPirates ayikho phakathi kwamaqela azakudlala iMTN 8 emva kokuvala isizini egqithileyo ikwindawo yeshumi elinanye.
pedro.mapelo@inl.co.za
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!