Kulindeleke enye imfazwe phakathi kweSpringbok neNew Zealand

UCheslin Kolbe weSpringbok ejongene noSamipeni Finau weNew Zealand emdlalweni weRugby Championship obuse-Ellis Park, eGoli. Umfanekiso: @Gavin Barker/BackpagePix

Isekelamqeqeshi kwiqela lesizwe lombhoxo, uDaan Human, uxelele amajelo eendaba ekuqaleni kwale veki ukuba balindele iNew Zealand ekelemileyo ngempelaveki. Amabhobhoko aza kudibana neNew Zealand emdlalweni weFreedom Cup oza kube useDHL Stadium, eKapa, emalanga ngoMgqibelo. La mazwe mabini aphuma emdlalweni weRugby Championship ophunyelelwe nguMzantsi Afrika ngo’31-27 ngetrayi kaGrant Williams ebulele iNew Zealand ebinethemba lokuphumelela.

Umdlalo obuseGoli ubumkhulu kakhulu – kodwa nalo useKapa ubaluleke ngokufanayo nawo. Amaqela omabini aza kudlalela ukuphumelela. Njengeentshatsheli zehlabathi, kunyanzelekile iSpringbok siyibethe iNew Zealand ukuze sigcine indawo yaso ephezulu embhoxweni wehlabathi. Kanti kwelinye icala, ayikancami nayo iNew Zealand. Noxa ibethiwe emdlalweni ogqithileyo – kodwa ukubetha iSpringbok kwakubuyisa isidima sayo emva kokuphuncula impumelelo seyivele ngeempondo eGoli.

Umdlali ongaphoswa ngumdlalo ozayo nguSiya Kolisi owonzakeleyo emdlalweni ogqithileyo. Nakubeni kunjalo, uHuman uthe imeko kaKolisi iza kubekwa esweni kude kube ngoLwesine phambi kokuthatha isigqibo ngaye. UMzantsi Afrika neZealand baza kuvuselela umlo ongapheliyo eKapa onembali ende embhoxweni. Iya emdlalweni olandelayo iNew Zealand inethemba lokwenza into eyenze kwiArgentina eziphindezele kuyo emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala kwiRugby Championship kutshanje.

“Ikhe yabuyisa izitya iAll Blacks idlala neArgentina kutshanje emva kokubethwa emdlalweni wokuqala. Silindele ize kuthi ikelemile kule veki. Siza kuyinika intlonipho eyifaneleyo ngoba iliqela elisemgangathweni ophezulu. Into esiza kuyenza kukugxila ekuqiniseni umdlalo wethu ngempelaveki. Sicinga ukuba zikhona iindawo ezifuna ukuphuculwa emdlalweni wethu. Kufuneka silindele nantoni ke ngoba siza kudibana neqela eliyingozi kakhulu,” utshilo uHuman osisandla sasekunene sikaRassie Erasmus.