Kuliwa ubundlobongela ngemidlalo kuGatyane

Iimbaleki zaseDutywa neendawo ezingqongileyo, kulindeleke ukuba zikhuphisane kugqatso lwe-10km ne-5km womgama, eNqadu, ngentsimbi yesixhenxe ekuseni ngoLwesine.

Olu gqatso lubizwa ngokuba yiTenza Beach Festival 10KM and 5KM FUN RUN luyaqala kulo nyaka.

Injongo yalo mdyarho kukulwa izenzo zolwaphulo mthetho kuGatyana.

Le ndawo ihlala iKumkani yamaXhosa jikelele, uZwelonke Sigcawu, idume ngeziganeko zolwaphulo-mthetho ezifana nokubulalana kwabantu, udlwengulo nokusetyenziswa kweziyobisi lulutsha.

Umququzeleli wolu gqatso, uThabo Mantyi, uthi zininzi iziganeko zokubulawa kwabantu ezenzeke kuGatyana kulo nyaka ngenxa yolutsha olusebenzisa iziyobisi.

“Ngenxa yezinga eliphezulu loqhekezo, udlwengulo nokubulawa kwabantu ekuhlaleni, sithe masenze ukuba olu gqatso ukuze sithethe nolutsha,” utshilo uMantyi.

Ngomhla wogqatso uthi kuzakubakho abantu abazakuthetha nolutsha lwaseMbhashe malunga nobungozi bokusebenzisa iziyobisi kwaye neziphumo zako.

Uqhube wathi kule FUN RUN, bafuna nokuxelela uluntu ngolwandle, iTenza Beach, elizinze phantsi koMbhashe.

“Siyafuna uluntu lwazi ukuba sinolwandle iTenze Beach eludingayo utyelelo ngabantu ukuze kuhlume uqoqosho, endaweni yokuya kwezinye indawo,” utshilo uMantyi

Uluntu lwaseMbashe kunye neembaleki bazakuxelelwa ngeezinto ezintle ezifumaneka kolu lwandle emva kweFun Run.

Zonke iimblakeki ezinqwenela ukuthath’inxaxheba kuthiwa mazize nokuba ziphuma kweliphi na icala.

Eziphume phambile iimbaleki zizakuphumelela imali kunye neembasa.

isibhalo@inl.co.za