Kunconywa uDe Kock ofunqule uMzantsi Afrika oxangxathe iAustralia kwitumente yehlabathi

UTemba Bavuma noQuinton de Kock boMzantsi Afrika bedibene ne’Australia emdlalweni weCricket World Cup obuseBRSABVE Cricket Stadium, eLucknow. Umfanekiso: Singh/Shutterstock/BackPagepix

UKapteni weProteas, uTemba Bavuma, uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe – kodwa waphuma negama likaQuinton de Kock owenze iziqwenga emdlalweni wanamhlanje. Amakhwenkwe oMzantsi Afrika ayiqwabaze amalungu iAustralia ayivuthulule ngemitsi elikhulu elinamashumi amathathu anesine (134) emdlalweni obutaka iintlantsi kwibala ekuthiwa yiEkana Cricket Stadium namhlanje ngorhatya. UMzantsi Afrika uqhokre kuqala emva kokuba iAustralia iphumelele itosi. Emva kokudlala ngendlela encomekayo, uMzantsi Afrika wenze amakhulu amathathu aneshumi elinanye (311) emitsi kumangelo wawo kuwe ootinti abasixhenxe.

Kanti yona iAustralia ixangxathwe yakhutshwa yonke yenze imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesixhenxe (177) kuphela. Nangona abadlali boMzantsi Afrika betsale ngexhadi elinye ngokufanayo nasemdlalweni wokuqala wetumente yehlabathi eqhubekayo kwilizwe lase-India – kodwa iqhawe lanamhlanje ibe nguDe Kock ofumene imitsi elikhulu elinethoba (109) eyedwa. Ibilityeli lesibini uMzantsi Afrika uzibetha kakubi iintshaba zawo eqakambeni.

Phambi kokuqala kwetumente yehlabathi, uMzantsi Afrika ukhe wayicambalalisa iAustralia emdlalweni obukwiphondo laseGauteng. “Ndiyakuvuyeka ukungayiphumeleli itosi ngoba lo nto isisebenzele emdlalweni wanamhlanje,” utshilo uBavuma emva komdlalo aqhokre bhetelana kuwo kunomdlalo wokuqala kwitumente yehlabathi eqale kwiveki ephelileyo. “UQuinton ufanelwe kukunconywa kakhulu emva komsebenzi omhle awenzileyo namhlanje. Andifuni kunyoluka ndithi kukho iindawo endingonelisekanga zizo.

“Umdlalo wethu ubufana nobugqibelele ngoba sidlale kakuhle kuzo zonke iindawo. Siqhokre kakuhle saphinda sawisa oothinti ngendlela encomekayo kakhulu,” uvale ngaloo mazwi uBavuma. Kanti yena uKapteni wayo iAustralia uvumile ukuba abadlala ngakuhle konke konke namhlanje. “Akukho nto engako esingayithetha ngomdlalo wanamhlanje. Wonke umntu udandathekile kokwenzekileyo. Umdlalo wethu ubumbi kakhulu. Ukuba sifuna ukulwela indebe kule tumente, kufuneka sizame ukumelana neemeko zonke emidlalweni,” utshilo uPat Cummins emva komdlalo.