Kungcono ikhethe ibenye iChippa!

Amaqela adlala kwiAbsa Premiership, kwiGladAfrica Championship namanye ayadibana kwakhona ngempelaveki kwiindawo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika apho aza kube esilwela indebe yeNedbank ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million). Indebe yeNedbank lelona khuphiswano olunomtsalane emaqeleni aseMzantsi Afrika ngoba inika iqela eliphumeleleyo ithuba lokumela ilizwe emidlalweni yeCAF Confederation Cup.

Njengokuba isizini yePSL sele ingene kwisigaba sesibini, amaqela ahluza okufanele wona. Elinye lamaqela ekunyanzelekileyo akhethe yiChippa United.

Iza kunyanzelwa yimeko ekuyo kwiAbsa Premiership. Nangona ibiwuqale kakuhle unyaka omtsha ngokuphumelela imidlalo ethile kodwa ukubethwa kwayo iChippa emidlalweni emithathu ilandelelana, iyibeke engxakini. Xa esiya emdlalweni weNedbank, uNorman Mapeza uza kube ecinga kabini ngoba into ephambili kuye kukuphepha izembe.

“Ndiqinisekile siza kusinda ezembeni. Ukuba sisebenza ngokuzimisela; siza kuyenza eyona nto esemqoka kuthi – ukugcina iqela kwiPSL,” utshilo uMapeza ethetha kwiveki ephelileyo ePitoli.

Emva kwemidlalo engamashumi amabini anesibini, iChippa ikwindawo yeshumi elinesibini kwaye ishiya AmaZulu asekugqibeleni ngamanqaku amabini qha.

Yilo nto kunyanzelekile ukuba ikhethe phakathi kokukhusela indawo yayo kwiPSL nokudlala kakuhle kwiNedbank Cup.

NgoMvulo weveki ezayo, iChippa iza kudibana neBidvest Wits emdlalweni neNedbank ongo19:30 eBidvest Stadium.

Iqela laseMpuma Koloni libethe iTS Galaxy ngo’3-0 emdlalweni wokuqala, yona iWits ibethe iPirates kumapenela emva komdlalo owaphela ingu’3-3. Noxa iChippa ikhe yayibetha iWits kwiNedbank kusekho uClinton Larsen – kunganzima ngoku ngoba iWits idlala kakuhle kwaye iChippa ayiqhubi kakuhle xa idlalela kude nekhaya.

Imidlalo yeNedbank Cup:

Lwesihlanu: Black Leopards vs Amavarara @Thohoyandou, 20:00

Mgqibelo: Highlands Park vs Kaizer Chiefs @Makhulong Stadium, 15:00; Happy Wanderers vs TS Sporting @Princess Magogo Stadium, 15:00; Mbombela United vs Real Kings @Kanyamazana Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs Maritzburg United @Dr Molemela Stadium, 15:00

Cawe: Baroka vs Hungry Lions @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs Vaal University @Lucas Moripe Stadium, 15:00