Kungenwa simahla emidlalweni yeCosafa ebanjelwe eGqeberha!

Namhlanje kuqala isiqendu esitsha kraca setumente yebhola ekhatywayo ekuthiwa yiCosafa. Amazwe amaninzi asebenzisa le tumente njengeqonga lokuvavanya abadlali abalungele ukudlala kwiitumente ezikumgangatho wehlabathi ezifana ne’Africa Cup of Nations netumente yehlabathi (FIFA World Cup). Ngamazwe asemazantsi wezwekazi le’Afrika alishumi elinambini aza kukhuphisana kwiCosafa Cup eza kubanjelwa eGqeberha ukusukela kule veki ukuya kwiveki ezayo.

UMzantsi Afrika ubotshwe namazwe aquka iMozambiques, Eswatini neBotswana kuGroup A. Kulindeleke ukuba uMzantsi Afrika ugabule izigcawu ngomdlalo oza kudibana kuwo neMozambique emalanga ngentsimbi yesithathu eWolfson Stadium. Abalandeli bebhola ekhatywayo eGqeberha nakwiziphaluka bafumene inyhweba ngoba kungenwa simahla kuyo yonke imidlalo yeCosafa Cup. Ziindaba ezo ezidizwe nguSosiba weCosafa, uSue Destombes, othe isigqibo ngamatikiti sithathwe yiSafa.

Njengokuba ubuchwephesha bungene nakwezemidlalo, kulindeleke ukuba iCosafa incedise amazwe aphantsi kwayo ngokuthi iqeqeshe iphinde ivavanye oosompempe kwitumente eseGqeberha. UDestombes uqinisekisile ukuba iVAR iza kusetyenziswa emidlalweni yeCosafa. Lo nto iza kwenzeka xa iphakathi itumente. “Oosompempe bethu basenkampini eGoli – apho baqeqeshelwa khona ukusebenzisa iVAR. Umjikelo wokuqala weCosafa awuzukuyisebenzisa iVAR, iza kubakho kweyokugqibela,” utshilo uDestombes.

Ngenxa yeempazamo ezenziwa ngoosompeempe nokunqanda ubuqhophololo, iFIFA yagunyazisa ukusetyenziswa kobuchwepheshwa obufana neevidiyo ebholeni ekhatywayo. Amanye amazwe aneminyaka eyisebenzisa iVAR – kodwa yona iAfrika isahamba emva ngenxa yokushokoxeka kwezimali. Ungenelelo lweCosafa lenza umahluko omkhulu ngoba kuncedeka oosompempe bakwazi ukuphatha imidlalo yehlabathi. “Kundonwabisa kakhulu ukuqeqeshwa nokusetyenziswa kweVAR kwitumente yeCosafa,” utshilo uSosiba.