Kuninzi onokutshintsha kumdlalo wamahashe Ndlovu!

Sisondela ekupheleni kwenyanga yesibini emva kokuba iDutywa yenze imbali kulo nyaka ngokuthi isingathe umnyhadala wamahashe omkhulu.

Le nto ndithetha ngayo yiNgumbela Horse Racing. Impumelelo ka-Andazi kwiBerlin November ngo’2016, yiyo eyaxhokonkxa intliziyo kaTat’ uNgumbela – usomashishini odume ngokunkqenkqeza phambili kuphuhliso lwemidlalo eMpuma Koloni – ukuze asungule itumente yamahashe.

Kwizihlandlo zozibini zetumente, I’solezwe lesiXhosa belikhona ngokuba ukubalisa ibali labantu baseMpuma Koloni naseMzantsi Afrika yinto esiyibeka phambili nesizingca ngayo.

Ubukho bethu ayikokubalisa nje kuphela – koko ikwakukujonga izinto ezinokuthi zincedise emdlalweni ukuze ukhule.

Akukho ntandabuzo, igalelo lakho Baw’ uNdlovu liyancomeka emidlalweni yamahashe, ungenelelo lwakho luzindaba ezimnandi ngokuba ayifumani nkxaso ayifaneleyo koosomashishini nakurhulumente.

Ngoku usadla amathamb’engqondo ngoceba ukwenza kunyaka ozayo, ndifuna ukuthi ungabisaliyeka iphulo lakho lokuphuhlisa amahashe.

Ndinexesha ndiwulandela lo mdlalo. Awululanga ngokuba abantu bawo noxa bewuthanda – kodwa abanalo ulwazi oluphangaleleyo ngawo. Kulapho ufuneka khona ke wena.

Akukho mfuneko yokuba ubenehashe wena ngokuba ngokusingatha itumente – uyafana nomntu onawo.

Ukuze iNgumbela Horse Racing ingafani nezinye izinto ekuchithwa nje imali kuzo, ndicela wenze ezi zinto zilandelayo.

Phambi kokusingatha itumente yakho kunyaka ozayo, zama kubekho uqeqesho lweedyoki ezisencinane ngokweminyaka.

Makuqeqeshwe abaphathi bemidlalo nabanikazi bamahashe ukuze bawazi lo mdlalo ngcono, bafunde iindlela zokukhathalela amahashe.

Ngokwenza njalo, kuninzi kakhulu onokutshintsha kumdlalo wamahashe kuquka nabantu ababandakanyeka kuwo.

Ukubalekisa amahashe nokuphisa ngemali nje kuphela akwenzi mahluko. Iyenziwa lo nto yonke imihla, ngoku makuphuhliswe abantu ukuze umgangatho unyuke kutshintshe nobomi.

Ndiyazi ezo zinto zifuna imali – kodwa ndicinga okokuba isebe lezemidlalo nomasipala waseMbhashe banayo indima abanokuyidlala nabo.

IMpuma Koloni idinga abantu abathetha benze njengawe Ndlovu, nceda uziqwalasele iziphakamiso zam.