Kule veki iphelileyo, onke amehlo ebethe ntsho kwitumente yamanqindi ebiseMonti. Itumemente ibinomxholo othi: “amanqindi abhiyozela inyanga yamalungelo abantu”, ishiye uninzi lwabantu luphikisana ngemilo emibini engundabamlonyeni emva kwetumente. Umlo wokuqala ibingumlo obuphakathi kowayesakuba yinjinga kudidi lweSiba, uAsanda Gingqi kunye nowayesakuba yinjinga kudidi lwabalula
uSibusiso Zingange, abe besilwela ukuya kwintshinga yoMzantsi Afrika. Umlo wesibini ubuphakathi kukaLusanda Komanisi kunye noKhaya Busakhwe abe besilwela intshinga ebiphethwe nguKomanisi. Yomibini le milo iphele phakathi ngenxa yokuphuma kwengqosha kuZingange noKomanisi.
Zombini ezi mbethimanqindi ziye zaphulukana nemilo yazo kuba umthetho ucacile. Ayiqhelekanga into yokuba imilo emibini ilandelelana ephuma kuMabonakude nekweli zinga iphele ngala ndlela. Eyona nto idlwengule umxhelo wam ngunobangela wokuphuma kwengqosha, nam endakhe ndabalixhoba layo.
Ingqosha lithambo lengalo elingena kumngxuma osegxalabeni ukwenzela kubekho ujikelezo lwengalo, lidityaniswe yimithambo nesitya segazi kunye nezihlunu ezicekethekileyo. Konke oku kufuna unonophelo olumandla. Ke ngoko zintoni ekufuneka ziqatshelwe ukunqanda ukuphuma kwengqosha kubadlali?
1. Ngexesha lokuzilolonga, kufuneka senze imithambo efudumeza ihambise igazi emzimbeni edibene nokolula amalungu adibanisa iindawo ezidibinisa amalungu omzimba. Uninzi lwabaqeqeshi aluyihoyi le mithambo ngoba luyithatha njenge nkcithaxesha. Kanti umonakalo omninzi ufumaneka ngexesha lokuzilolonga.
2. Xa sizilolonga bambi, basebenzisa iintsimbi ezinzima nezingangunobangela woxinizelelo emithanjeni okanye zikhuphe ithambo lengqosha emngxenyeni walo. Kufanele xa siza kusebenzisa iintsimbi ngenjongo yokuzilolonga abekhona umntu oqeqeshelwe oko ukuze ajonge umthamo kunye nendlela ezisetyenziswa ngazo.
3. Ingakukusebenza okungaphaya komlinganiselo kuba sinentshisakalo yempumelelo. Oku kubeka uxinizelelo kwizihlunu ezingqonge zikwanxulumanisa ithambo lengqosha nomzimba, zingakrazuka okanye zinwebeke ngaphaya komlinganiselo zibangele ukuba kubelula ukuphuma kwenqosha kwindawo yayo.
4. Ukutya esikutyayo xa silungiselela umlo kubalulekile kuba kuthumela izakhamzimba kwabanokhala bengqosha kwaye kwenze kuhlale kukho incindi eyoneleyo ebangela ikwazi ukujikeleza ngokukhululekileyo.
5. Imithambo yenziwa kulungiselela ukuya eqongeni phambi komlo kufuneka ingabikude kakhulu ukuze iimbethimanqindi zingangeni zibanda. Zininzi nezinye izizathu endingabalula kweli nqaku ekufuneka abaqeqeshi nabaphathi babize iingcaphephe kwicandelo lokuzilolonga zize nengcebiso ezithe vetshe, okwam ibikugabula nje izigcawu nokususa umle emehlweni.
Ndisatshyaya!
Izimvo zezikaSonwabo Nogqala
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?