Kunyanzelekile aBafana bayibethe iNamibia ngeCawe!

Nakubeni uMzantsi Afrika uzikhotha amanxeba emva kokubethwa emdlalweni wokuqala – kodwa unethemba lokwenza bhetele emdlalweni olandelayo. ABafana Bafana baguqiswe phantsi ngamagowuli amabini eqandeni yiMali emdlalweni we’Africa Cup of Nations (Afcon) obumhle eKorhogo ngoLwesibini ebusuku kule veki.

Ukubethwa kwaBafana Bafana kubathathe kwababeka ekugqibeleni kukaGroup E basekelwa yiTunisia ebethwe ngegowuli elinye yiNamibia. Amagowuli ancede iMali emdlalweni wokuqala we’Afcon afakwe nguHamani Traore noLassine Sinayoko kwisigaba sesibini.

Belikhona ithuba lokufumana igowuli kwangoko emdlalweni – kodwa ngelishwa laBafana Bafana, uPercy Tau uyiphosile ipenela engeyibafunqule kakhulu. Ngoku uHugo Broos unomsebenzi onzima wokukhuthaza abadlali phambi kokudibana neNamibia emdlalweni kaGroup E oza kube ungeCawe.

“Singazibhaqa sisengxakini embi kakhulu ukuba asikwazanga ukubetha iNamibia. Kunyanzelekile siyibethe iNamibia ngoba ukuba sidlala ntanganye nayo kuza kuba nzima ukuya kumjikelo olandelayo. Ukuba singadlala ngendlela esidlale ngayo, siza kuyibetha iNamibia,” utshilo uBroos.

Olandelayo umdlalo uza kuba nzima ngaphezulu kowokuqala ngoba aBafana Bafana baza kube bedlala bephantsi koxinizelelo kakhulu. Kodwa okuhle kukuba bazibonile iimpazamo zabo ngethuba bedlala neMali.

“Umqeqeshi weMali ubonile ukuba abadlali bakhe mabasebenzise amandla ukuze basoyise. Asikwazanga ukudlala ibhola kwisigaba sesibini. Siphise ngamagowuli amabini emva kokulahla ibhola. Kodwa ukuba besikwazile ukufaka ipenela – ngesithetha enye into ngoku. Endikuthethayo ngoku akusenakujika nto ngoba umdlalo udlule.

“Asikwazi ukugxeka uTau ngokuphosa ipenela – kodwa ngeyiwutshintshile umdlalo. Abadlali abakhaba amapenela nguTau, uModiba noMokoena – kugqiba bona ukuba ngubani okhabayo,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo.

Kufuneka uMzantsi Afrika uqule uligangathe phambi kokuya emdlalweni olandelayo ngoba iNamibia iyingozi futhi ikhuthazekile emva kokuba ibethe iTunisia ngegowuli elifakwe ngentloko nguDeon Hotto. Abadlali beNamibia ngeke bavume ukubethwa lula nguMzantsi Afrika ngoba badibana nabadlali ababaqhelileyo emdlalweni woomakhelwane.