Kunyanzelekile AmaBhokobhoko ayibethe iArgentina ngoMgqibelo

UJacques Nienaber ngumqeqeshi weSpringbok. Umfanekiso: ©Shaun Roy/BackpagePix

Kunyanzelekile Amabhokobhoko aphumelele ukuba afuna ukwandisa amathuba okuphumelela iCastle Lager Rugby Championship. Oku kucace gca ngethuba umqeqeshi weSpringbok, uJacques Nienaber, ethetha ngokulindelekileyo emdlalweni ongempelaveki. Amabhokobhoko alungiselela ukudibana ne-Argentina elushica kakhulu emdlalweni oza kutaka iintantsi eStadion Jose Amalfitani Stadium eseBuenos Aries ngoMgqibelo. Noxa bekukhe kwakho isiphithiphithi esichaphazela uElton Jantjies ogxothiweyo enkampini – kodwa abadlali abashiyekileyo bakuqonda kakuhle ukubaluleka kokuphumelela umdlalo ngoMgqibelo. Baya kwiArgentina ekunzima ukuyibetha bekhuthazekile emva kokubetha iAustralia emdlalweni ogqithileyo. UNienaber ubhengeze iqela labadlali eliza kuqala umdlalo ozayo elifanayo neliphumelele umdlalo ogqithileyo.

Mibini kuphela imidlalo eshiyekele Amabhokobhoko ngoku kwiRugby Championship, yiyo lo nto kunyanzelekile abuye neziphumo ezincumisayo. “Imidlalo emibini esiza kuyidlala ne-Argentina siyithatha njengeyamanqam neyamagqibelakankqoyi,” utshilo uNienaber. Abadlali abatsha abaza kuqala umdlalo ngoMgqibelo nguElrigh Louw, uFaf de Klerk no-Andre Esterhuizen. “Ukuba sifuna ukuyiphumelela le tumente, kufuneka imidlalo esijongene nayo siyithathe njngenyanzelekileyo ukuba iyiphumelele. Imidlalo ihamba noxinizelelo – kodwa alungafaniyo naxa sidlala itumente yehlabathi. Sifuna ukubona ukuba abadlali bethu baza kuwuphatha njani na,” uthilo umqeqeshi.

Emidlalweni egqithileyo, Amabhokobhoko ayiphumelela – kodwa uMichael Cheika nabadlali bakhe bawafungele kweli ityeli emva kokubetha iNew Zealand neAustralia kulo nyaka. “Iza kuza kuthi ikelemile iArgentina. Siya kuyo sisazi ukuba iza kusebenzosa amandla xa idibana nathi. Ikhuthazekile emva kokubetha amanye wamazwe amakhulu embhoxweni wehlabathi. Umdlalo uza kubanzima ngoba baza kufuna ukuphumelela phambi kwabalandeli babo. Thina ke ifuna ukunika abadlali abatsha ithuba lokudlala ukuze bafumane amava njengokuba sisondela kwitumente yehlabathi,” utshilo uNienaber.