Kunyanzelekile iChippa izikhuphe engxakini ngokubetha iBaroka ejubalaza emsileni

UThabiso Lebitso weChippa United nomdlali weBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Philip Maeta/Gallo Images)/BackpagePix

Lifikile ixesha lokuba iChippa United izikhuphe engxakini ekuyo ngoku. Emva kokuba iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni lifumene amanqaku amane emidlalweni emini, kuye kwakho isiqabu kulo. Ngoku kufike ixesha lokuzikhupha engxakini yezembe xa iChippa United isamkela iBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke utake iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo ngeke ubelula kuwo omabini amaqela ngoba asecicini lokugecwa lizembe elingawathumela kwiGladAfrica Championship engenawo amaqithiqithi afumanekayo ngokudlala kwiDStv Premiership.

Abadlali beChippa nabaqeqeshi kufuneka baye emdlalweni bewuthatha ngoba lithuba labo lokugqibela lokuphila emhlabeni, kungenjalo kwakusoloko kuthethwa into enye ngayo. Indlela ebethe ngayo iStellenbosch ngo’1-0 nendlela elwe ngayo ngethuba idlala nePirates kutshanje, yeyona ifunekayo emidlalweni yale veki ukuze iChippa iphume ngokupheleleyo engxakini. Ukuntywilisela iBaroka esemsileni weDStv Premiership yeyona nto efanele ukwenziwa yiChippa United ngempelaveki. Ngokwenza njalo, iChippa iza kulibala ngokulwela ukuhlala kwiDStv Premiership, endaweni yoko iza kuzama ukuvala isizini isendaweni ehloniphekileyo.

Umqeqeshi weChippa, uKurt Lentjies, ubancomile abadlali bakhe emva kokuzuza inqaku elinye bedlala nePirates kwiveki ephelileyo. Kuza kuba nzima ngakumbi ukudlala neBaroka ngoba ilwela ubomi bayo ngokufanayo neChippa. Kodwa into engafunekiyo ngoku kukubethwa kweChippa emidlalweni emithathu eshiyekileyo. Ngomso iSuperSport United iza kudibana neSwallows emdlalweni onzima eLucas Moripe Stadium. Phantsi kuka-Andre Arendse, Amatsatsantsa afuna ukuqokelela amanqaku ukuze angene kwiTop 8. Yona iSwallows, ebethwe ngaMaZulu, izama ukusuka kwindawo embi ekuyo entla kweBaroka esemsileni.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Chippa United vs Baroka @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:00; Marumo Gallants @Peter Mokaba Stadium, 15:00; AmaZulu vs Sekhukhune United @Moses Mabhida Stadium, 17:00; Stellenbosch vs Maritzburg United @Danie Craven Stadium, 17:00; Cape Town City vs TS Galaxy @Cape Town Stadium, 19:30

Cawe: Kaizer Chiefs vs Mamelodi Sundowns @FNB Stadium, 17:30