Kunyanzelekile iphumelele iChippa kule mpelaveki

UAndile Mbenyane weChippa United

Ukususa iChippa United kwindawo ekuyo ngoku iza kuba ngumsebenzi onzima kakhulu.

Kule mpelaveki, iChippa iza kuzama ukufumana impumelelo yayo yokuqala xa idibana neBaroka FC kumdlalo weAbsa Premier Soccer League oza kube useSisa Dukashe Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.

Umqeqeshi omtsha, uEric Tinkler, uphantsi koxinizelelo njengabo bonke abaqeqeshi ngoba uqeqesha iqela elingaguqula imeko elikuyo ngokukhawuleza.

Akukacaci nokuba iya kwenzeka nini na lo nto emva kokuba iChippa United ibethwe yiSuperSport United ngo’2-1 kumdlalo wokugqibela phambi kweveki yemidlalo yeFIFA.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ukungabikho kwemidlalo kwiveki ephelileyo kunike uTinkler nabadlali bakhe ithuba elihle lokulungisa iingxaki abahlangabezene nazo kwimidlalo egqithileyo.

Kuyo yonke into ayizamayo uTinkler kufuneka azi into enye: Ukuba iziphumo azincumisi, ibhatyi ingagcwala umoya ngokufanayo nakuDan Malesela.

UTinkler umthethelele ke usihlalo wakhe uSiviwe Mpengesi ngelithi abantu abamqondi.

“Mna ndingathi ungumntu othambileyo – kodwa ongaqondwayo ngabantu kakhulu. Ungumntu olithandayo kakhulu iqela lakhe kwaye kufanele kube njalo. Akekho umntu okuthandayo ukugxotha abaqeqeshi ngoba yinto enzima leyo. Abantu bathetha ngoxinizelelo. Uxinizelelo lukho kuyo yonke indawo ngenxa yezinto ezilindelekileyo kwiqela,” utshilo uTinkler ethetha neentatheli kutshanje.

Inenqaku elinye iChippa United eyalifumana emva kokudlala ntanganye ngo’2-2 neBlack Leopards kumdlalo owawumhle kakhulu eSisa Dukashe Stadium kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

IBaroka eqeqeshwa nguWedson Nyirenda isaqhuba kakuhle kwaye ingayibonisa izimanga iChippa United emdlalweni ukuba ayizilungiselelanga.

IChippa United iza kuthembela ngabadlali abanamava abafana noThabo Ntethe, uDaniel Akpeyi, uThamsanqa Sangweni noMark Mayambela.