“Kunyanzelekile siwuphumelele umdlalo”

Border Bulldogs

Umanejala
wezonxibelelwano kwiBorder Bulldogs, uAkhona Mgijima, uthi baza kulwela
ukufumana amanqaku amahlanu xa bedibana ne-EP Elephants. La maqela aza kungquzulana
eBaffulo City Stadium ngo’19:00 kumdlalo weCurrie Cup. UMnu. Mgijima uthi aza kuzijul’ijacu
amakhwenkwe wakhe ukuze aqinisekise ukuba abuya namanqaku.
“Azimisele kakhulu amakhwenkwe ukuphumelela umdlalo wawo
ne-Elephants.Ndiqinisekile ukuba azakulwela ukubuya namanqaku amahlanu,”
utshilo uMgijima.

OkaMgijima ukholelwa ukuba iqela laseBhayi lizakuzilwela
nalo ngoba lilambele impumelelo.”Awuzukubalula umdlalo wethu ne-Elephants ngoba
uninzi lwabadlali abebeyinxalenye yeSouthern Kings kwiPRO 14 bazakube bekhona,”
utshilo uMgijima.

UMgijima ukholelwa kwelokuba
impumelelo yeBulldogs iza kuyibeka endaweni entle kakhulu. “Iza kusinceda kakhulu
impumelelo ngoba besicinga ukuyiphumelela yonke imidlalo yasekhaya. Lo nto iza kusinceda
kakhulu kwiminqweno yethu yokudlala imidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi,”
utshilo uMgijima.

IBulldogs ifika kulo mdlalo
inokuzithemba emva kokubetha iBoland Cavalliers eBoland kwimpelaveki
egqithileyo. Ukanti i-Elephents isakhangela impumelelo yayo yokuqala emva
kokubethwa kuyo yomibini imidlalo.

Iqela: 1.Siyamthanda Ngande, 2.Mihlali
Mpafi, 3. Lwando Mabenge, 4. Athenkosi Khethani, 5. Ayabonga Nomboyo, 6. Lukhanyo
Nomzanga, 7. Onke Dubase, 8. Athenkosi Manentsa, 9. Sinovuyo Nyoka, 10. Dilolo
Mapoko, 11. Somila Jho, 12. Somila Mantyoyi, 13. Lonwabo Ntleki, 14. Sipho
Nofemele, 15. Sonwabiso Mqalo
.

Amalalela: 16 Lubabalo Lento, 17.
Robert Lyons, 18. Nkosikhona Nofuma, 19. Sokuphumla Xakalashe, 20. Bangi
Kobese, 21. Aphiwe Stemele, 22. Luton Adonis
.