Kuphehlelelwe iqela leendadi eMdantsane

Abadlali beqela elitsha ekuthiwa yiMdantsane Swimming Club ngethuba befumana iimbasa emva kokhuphiswano ngoMgqibelo odlulileyo eMdantsane Umfanekiso: uthunyelwe

Umbutho ozimeleyo ekuthiwa yiJade Foundation NPC uzimisele kakhulu ngokuvelisa iindadi eMdantsane.

Kwiveki ephelileyo kuphehlelelwe iqela leendadi elibizwa ngokuba yiMdantsane Swimming Club emsithweni obuzinyaswe ngabantu abahloniphekileyo abasuka kwimibutho efana neSascoc.

Iphulo lokuvelisa iindadi ezintsha nokuxakathiswa kolutsha eMdantsane liqalwe kwinyanga yesibini kulo nyaka zizikolo eziquka iDalukhanyo, iRH Godlo neGcobani Senior Primary School.

Nangona izikolo izezona ezithe zenza indima ebonakalayo ekubunjweni kweqela leendadi kodwa wonke umntu onomdla ekudadeni uvumelekile.

Phakathi kweendwendwe ebezikhona bekukho uBuyiswa Tyantyi, uGcobani ongunobhala weMdantsane Swimming Club, uLionel Poovan weBuffalo City Aquatics, uGideon Sam nabanye abantu.

Uqeqesho lwabantwana lenzelwa eMotion Fitness Club ethi iqinisekise okokuba ngoLwezithathu abantwana bafumana ithuba lokusebenzisa izixhobo zayo ngokupheleleyo.

UPoovan wabelene ngamava nobuchule bakhe nabantwana abancinci abanomdla nabafuna ukuba ziindadi eziphumeleleyo zangomso.

Kubekho nonikezelo lweembasa emva kwetumente ebikhona yeendadi eziphaya kumashumi amathandathu ngokohlukana kweminyaka yazo.

UTyantyi ubulele inkxaso iMotion Fitness Club eyinike abantwana ukusukela ekuqaleni nangoku sekusekwe iqela elitsha. Ngokokutsho kukaRonnie Gubevu:

“Umbutho wethu ongenzi inzuzo wasekelwa ukunceda abantwana baseMdantsane. Yonke lo nto iJade Foundation iyenza ngokunika abantwana izakhono zokudada nokubafundisa ukusebenzisa ikhompyutha. Siyakholelwa ekufundiseni ukudada abantwana ngoba lo nto iyakuthintela ukutshona kwabantwana emadamini naselwandle.”

Ukusekwa nokuphehlelelwa kweqela labantwana abadadayo kuthetha ukuthi iMpuma Koloni ingalindela ukumelwa nayo kwimidlalo yeOlimpiki ziindadi eziphuma kwiindawo ezinabantu abamnyama njengoMdantsane.

Nangona wonke umntu evumelekile emdlalweni weendadi kodwa ngabantu abamhlophe abaninzi kuwo kwaye unqabile kwiindawo ezininzi elizweni lonke laseMzantsi Afrika.