Emva kokubethwa
kumdlalo wesibini, eziFaro azisenalo ithuba lokuya kumjikelo olandelayo kwindebe
yehlabathi emva kokucanjalaliswa zeziVladimir Putin kumdlalo obunzima eKrestovsky
Stadium namhlanje ebusuku. AmaYiphutha avuthululwe ngo’3-1 yiRussia efaka
amagowuli ngendlela enganambaliso kwindebe yehlabathi ka-2018. Phambi kokudlala
umdlalo wayo wokugqibela kuGroup A, iRussia seyiqinisekile ngendawo yayo
kumjikelo olandelayo emva kokuphumelela imidlalo emibini efake amagowuli asibhozo
kuyo. Kumdlalo wokuvula indebe yehlabathi iRussia ingombe iSaudi
iFIFA World Cup kubhenca ukuzimisela nokunxanelwa kwalo impumelelo.
Umqeqeshi we-Egypt
ugqibe kwelokuba amdlalise uMohamed Salah ongadlalanga kumdlalo wokuqala ngenxa
yokonzakala akufumene kwiLiverpool kwinyanga ephelileyo. Ubukho bakhe uSalah
abubanganalo ifuthe emdlalweni ngoba akukho nto ingako ayenzileyo. EzikaFaro
ziwuqale kakuhle umdlalo, ziquqa zibuyelela kumdlalo weRussia – kodwa azikwazanga
ukuwasebenzisa amathuba kwisigaba sokuqala. AmaRashiya afumene igowuli lokuqala
ku-Ahmed fathy ogwaze umkhonto ekhaya. UDenis Cheryshev ubeke emnatheni
elesibini laze elesithathu lafakwa ngu-Artem Dzyuba. Elobika lezikaFaro lifakwe
nguSalah ngepenela emva kokuwiswa kwakhe emhlabeni kanozinti. Ngoku i-Egypt
ihleli ekugqibeleni kuGroup A emva kokubethwa kabini. Ngomso iSaudi
Egypt: Mohamed Elshenawy, Mohamed Abdelshafy, Ahmed
Hegazy, Ali Gabr, Ahmed Fathi, Trezeguet, Mohamed Alneny, Abdalla Said, Tarek
Hamed, Mohamed Salah, Marwan Mohsen.
Russia: Igor Akiinfeev, Yury Zhirkov, Sergey
Ignashevich, Kutepov, Mario fernendes, Denis Cheryshev, Lury Gazinsky,
Aleksandr Golovin, Roman Zobnin, Alexander Samedov, Artem Dzyuba.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo