Kuphethe uSandiso Mpengesi ngoku kwiChippa United!

USandiso Mpengesi ngumlawuli omtsha weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo

USandiso Mpengesi uxelele iintatheli ukuba lifikile ixesha lokuba aziwe ngabantu ukuba ungumntu okhoyo. Ukutsho oku ngethuba iChippa United isazisa abadlali bayo abatsha elalini yaseNgcobo kwiveki ephelileyo – apho uyise, uMnu. Siviwe Mpengesi, ebevula indlu entle ayakhele utata owatshelwa yindlu. Ngumlawuli omtsha weChippa United ukusukela ngoku uSandiso Mpengesi. Ungena endaweni kaKhumbulani Konco okhululweyo emva kokuhlala isithuba esingaphantsi kwesizini eGqeberha. USandiso, 24, uthe akazumpetya ingalo uyise – kodwa okwakhe kukuqinisekisa ukuba izinto ziyaphucuka kwiChippa United.

“Kudala ndisebenza notata – kodwa ke bendingabonakali. Izinto asele ejamelene nazo utata nam ndiyazazi. Umahluko ngoku kukuba ndiyaziwa ngabantu,” utshilo uSandiso. Liyanda inani labantu abatsha abanikwa izikhundla eziphezulu ngooyise kumaqela adlala kwiDStv Premiership. Yayikade ikwiChiefs, iPirates, Leopards nakwiCosmos. Kodwa ngoku iyabonakala kwiSundowns, Royal AM nakwiChippa United. Yintoni abanokuyilindela kuye abantu? “Okwam kukuxhasa into eyenziwa nguTata. Andifuni kugqamisa igama lam – kodwa ngenye imini, ndifuna ukuthi: ndandiyinxalenye yokuguquka kwezinto kwiChippa. Utata ucinga ukuba lixesha elilungileyo lokuba ndibe sisandla sakhe sasekunene ndisebenza nabanye abalawuli.

Akukho nto endiza kuyiguqula – kodwa ndifuna nje ukuphucula indlela yethu yokwenza izinto,” utshilo uSandiso ekulindeleke kubonakale isandla sakhe kwisizini eza kuqala ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo. Emva kokuvula indlu ayiphe umntu omdala kwiveki kaNelson Mandela, uMpengesi ubhengeze amagama wabadlali abatsha. Uluhlu lwabadlali abatsha lukhokelwe nguJustice Chabalala, uSipho Chaine, uTrevor Mathiane, uBrooklyn Poggenpoel, uSirgio Kammies, Azola Ntsabo, Aviwe Mqokozo, uKhanyisile Mayo, uDiego Appollis, uShaquile Abrahams, uSiseko Manona, uYurrig Conwood, uZanoxolo Mduli, Abdi Banda, Elmo Kambindu noNkosikhona Dube.