Kuphihliphihli kwiqakamba yaseMzantsi Afrika

UMark Boucher ngumqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Akukuhlanga kwaphela kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Endaweni yokudlalwa kweqakamba ebaleni, kumokwamokwana nezinto ezenziwa nezathethwa ngabantu abathile ezibangele kungabikho zinzo kuyo. Nangona izizinto ezenzeka kudala – kodwa kuyanyanzeleka ziqwalaselwe ngelinye iliso ngoba zashiya abantu bonzakele ezintliziyweni. Emva kwenyanga umqeqeshi weProteas, uMark Boucher, watyholwa ngokubiza ugxa wakhe ngamagama amabini, ude waphendula ekuqaleni kwale veki. UPaul Adams waxelela ikomoshini yentlambululo, iSocial Justice and Nation-Building, ukuba uBoucher wayembiza ngegama elithi “brown shit” besengabadlali beqela lesizwe.

Okuvezwe nguPaul Adams kulandela ezinye izenzo zobuhlanga nocalulo ezenzeka kwiCricket South Africa kwiminyaka eyagqithayo ezichanzwe ngabantu abaliqela abanike ubungqina ikomishini ekhokelwa nguMnu. Dumisa Ntsebeza. UBoucher ngomnye wamadoda azenzele igama elihle njengomdlali weqakamba kwihlabathi – kodwa yena utyholwa njengomnye onegalelo kwimpathombi eviwe ngabadlali abamnyama kwiqela lesizwe. Naye uPaul Adams ngomnye wabadlali abangekho mhlophe abadlalele iProteas iminyaka esondele eshumini bebukele ukutatanyiswa kwabadlali abamhlophe phambi kwabo. Kwakungekho nto abanokuyenza ngoba yonke into yayesenziwa ngabaphetheyo ngokokutsho kwamangqina.

“Ndikuvile ukukhathazeka kwabantu endandidlala nabo kwiqela lesizwe. Ndisivile isikhalo sabo sokucalulwa nobuhlanga abajongana nabo,” utshilo uBoucher kwincwadi ayibhalele uMnu. Ntsebeza. “Ndiyayixolisela yonke into ekuthiwa ndayenza. Kwakufanele iCricket SA yaba neenkqubo zokudibanisa iintlanga zonke ukuze kubelula ukuqondana singabantu. Zange nangosuku olunye ndazenza umntu ongaphezulu kunezinye iintlanga. Andinguye umntu onobuhlanga,” utshilo uBoucher. Kwelinye icala, uEnoch Nkwe wothuse umzi ngokubeka phantsi njengesekela-mqeqeshi leProteas. Abasemfuthweni wolwazi bathi uNkwe udinwe kukuchwethelwa ecaleni xa kuthathwa izigqibo ezibalulekileyo. Abaphathi beCricket SA bebesaxoxa naye ngelizama ukusombulula ingxaki yakhe.