Kuphiswe ngayo iBidvest Wits okwentonga yomnquma!

Bidvest Wits players during the Absa Premiership 2019/20match between Bidvest Wits and Black Leopards on the 10 March 2020 at Bidvest Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Xa kusongwa
isizini yePSL ka-2019/20, imbali etyebileyo yelona qela lebhola ekhatywayo
elidala eMzantsi Afrika iza kujulwa emgqomeni. Oku kuza kwenzeka emva kokuba
abanikazi beBidvest Wits begqibe kwelokuba baphise ngayo okwentonga yomnquma
kusomashishini waseLimpopo ogama linguMasala Mulaudzi. “Ibingathengiswa iWits,
ndayinikwa ngabanikazi bayo kuba bendazi kwezoshishino futhi befuna ibe
sezandleni zomntu omnyama ukuze ikwazi ukuphuhlisa ulutsha lweendawo zasezilali,”
utshilo uMulaudzi ethetha kwiMetro Fm ekuqaleni kwale veki. UMulaudzi
ngumnikazi weTshakhuma Tsha Madzivhadzi edlala kwiGladAfrica Championship. Sele
eyithengisele omnye umntu iTshakhuma naye. Yiyo lo nto eza kuguqula iBidvest
Wits ayibize ngegama elithi Tshakhuma Tsha ekuqaleni kwesizini ezayo.
Njengokuba abantu abathenga amaqela adlala kwiPSL bebhatala imali engaphezulu
kwezigidi ezingamashumi amahlanu erandi (R50-m), yena uMulaudzi uyifumene
ngexabiso eliphantsi iWits ebiza kugqiba ikhulu leminyaka ngoba abanikazi
beBidvest bathi ibhola ekhatywayo ayonto ephambili kwishishini labo.

          Image may contain: 2 people, people standing and outdoor

Abaphathi
beTshakhuma Tsha bayibeke yacaca into ethi ngeke bakwazi ukubabhatala abadlali
abathile abamkela izityhwentywe zemali kuquka nomqeqeshi wabo uGavin Hunt. Abadlali
abafana noThulani Hlatshwayo, uDeon Hotto, uGift Motupa, uS’fiso Hlanti, uBuhle
Mkhwanazi noRicardo Goss – bafunwa ngabaqela afana neMamelodi Sundowns,
i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs esaphikisa isigwebo eyasinikwa yiFifa. Kodwa
oyena mntu ekubonakala ngathi uza kudinga umsebenzi nguHunt – ongomnye
wabaqeqeshi abazibalule ngokuthatha iindebe eziphambili ebholeni ekhatywayo.
Amaqela aquka iStellenbosch neSuperSport United ebekuthiwa angaya kuwo
azikhanyele iingxelo ezitshoyo. “Asikho isithuba somsebenzi kwiSuperSport
United. Ukoyanyaniswa kukaHunt neqela lethu kukudelela uKaitano Tembo. Kodwa
ukuba bekusithiwa uyahamba, uHunt ebeza kuqwalaselwa. Asifuni kuphazamisa iqela
lethu,” utshilo uStanley Matthews kwiphepha laseGoli. Amaqela avunyelwe ukuba
angazilolonga ngurhulumente ukusukela oko aqhotyoshwa kukuqhambuka kwekhorona.
Imidlalo kulindeleke iqale kwinyanga ezayo.

Abaphathi
beBidvest Wits babambe intlanganiso izolo nabadlali nabasebenzi abacacise kuyo
okwenzekayo emva kweveki bengazi eyona nto yenzekayo. “Abantu bethu
babalulekile kwaye kufuneka siqinisekise okokuba sibaphatha ngentlonipho ngeli
xesha lobunzima. Ukuthengiswa kweqela ngeke kuchaphazele izivumelwano zabo
zengqesho. Ndifuna ukuthi asikwazanga ukukhupha ilizwi malunga nendlela
ekubhengezwe ngayo ukuthengiswa kweqela ngoba bekungekabikho nto etyikityiweyo.
Ngoku yonke into icalanye noxa sisalinde isigunyaziso kwiPSL,” utshilo u-Alan
Fainman, usihlalo weBidvest Wits kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe izolo.