Kuqosheliswa ukhuphiswano lweBrutal Fruit

Iqela lomnyazi laseFree State, iCrinums, linethuba lokufumana intshinga yesithathu kukhuphiswano lweBrutal Fruit Netball Premier League. Olu khuphiswano sele lusondela esiphelweni, nanjengoko kuza kuqosheliswa izinto kule mpelaveki siya kuyo.

Emva kokuba eliqela lifumene itayitile amatyeli amabini ngo-2014 nango-2015, abantu abaninzi sele beyisondenza kwiFree State intshinga na kulo nyaka. Soze ibelula loo nto kuba iza kuqubisana neNorth West Flames engeloqela lilula kwaphela. Imidlalo izakudlalwa ngomso yomibini kwaye omane amaqela azakudlala kule mpelaveki azakube esilwela indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi. IiGauteng Jaguars nazo zizakube zijamelene neWestern Cape Southern Stings. IJaguars zibethwe kumdlalo wamagqibela kankqoyi kuyo yomibini le minyaka idlulileyo kwaye ingathetha lukhulu kuzo into yokuphumelela indebe ekugqibeleni.

Amaqela athe aphumelela kule midlalo yangomso aza kudibana kumdlalo wamagqibela kankqoyi ozakudlalwa ngokuhlwa ngoMgqibelo. Into ezakunika ithemba iCrinums kukubuya komdlali wazo wangemva uKarla Mostert odlala kwiqela lesizwe lomyazi iSpar Proteas.

UKarla ebedlalela iBath kwi-English Super League kwaye uza kudingeka kakhulu xa kudlala iqela lakhe neeFlames.

Eliqela laseNorth West lidlale kakuhle kwaye yaphela lihleli phezulu isizini yalo nyaka, liza kuya kulo mdlalo wangomso abadlali bephumle ngokwaneleyo. “Sikujonge ngamehlo abomvu ukubukela ibhola yomnyazi ekumgangatho ophezulu kwakhona kule mpelaveki, eThekwini. Sifuna ukubona ukuba leliphi iqela elizakuba ziintshatsheli zeBrutal Fruit Premier League,” utshilo uMicah Naidoo ongumlawuli jikelele eBrutal Fruit.