Kuqulunqwa iindlela zokubuyisa ibhola yiSafa nePSL

Ibuyiswe ibhola ekhatywayo, ingabuyiswa? Leyo yimibuzo esemilebeni yabantu abaninzi kwezi ntsuku.

Ukungabikho kwebhola ekhatywayo yinto enzima kwabaninzi kodwa bayaqonda okokuba isimo asikavumi ngoba ukosulelana kwabantu kunyuka ngendlela exhomisa amehlo.

Kwinyanga ephelileyo, urhulumente akakuvumelanga ukudlalwa kwemidlalo yonke kodwa wacela iinkokeli zemidlalo zimnike umkhombandlela ngokwahlukana kwamacandelo kwezemidlalo.

Ekuqaleni kwale veki, uGqr uDanny Jordaan, uGqr Irvin Khoza noKaizer Motaung babambe intlanganiso eGoli – apho baqulunqe iindlela namaqhinga anokusetyenziswa xa kubuyiselwa imidlalo yeAbsa Premiership kwakhona.

Imidlalo ineenyanga ezimbini zonke ingasadlalwa ngenxa yekhorona eyosulelayo nebulalayo. Bekukade kukho ukungaboni ngasonye phakathi kwePSL neSafa.

Umbutho kaJordaan ubunengcingane ethi makulityalwe ngebhola kude kuhle izinga ehamba ngalo ikhorona, kanti yona iPSL yavele yafuna kudlalwe ibhola ngaphandle kwabalandeli kodwa kulandelwa imithetho yezempilo.

Entlanganisweni kugqitywe kwelokuba kusekwe ikomiti yethutyana yabantu abathandathu abaza kuqwalasela indlela ekhuselekileyo ekunokudlalwa phantsi kwayo ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwezi nyanga zizayo ngeli thuba kusekho ubhubhane.

Ikomiti leyo kufuneka ise ingxelo egcweleyo kwiinkokheli zebhola nakurhulumente oza kuziphonononga phambi kokuvumela ukubuyiswa kwemidlalo.

Amalungu ekomiti aquka ingqonyela ebambeleyo yeSafa, uTebogo Motlanthe, ingqonyela ebambeleyo yePSL, uMato Madla, uGqr Lervasen Pillay, uPoobalan Govindasamy, noJose Ferreira.

Ukugqityezelwa kwemidlalo yeAbsa Premiership ixhomekeke kwinto abaya kuthi bayibeke etafileni ayivume norhulumente.

Nangona ikhorona isagqugqisa kumazwe amaninzi ehlabathi kodwa amazwe aliqela aseYurophu aquka iNgilane, iJamani, iFrance noHolland sele enesicwangciso sokubuyisela imidlalo emabaleni kwinyanga ezayo.

Nangona likhona ithemba lokubuya kwemidlalo, okucacileyo kukuba iya kudlalwa ngaphandle kwabalandeli kuba kusoyikiselwa ukosulelana kwabantu.