Kuqutyiswana nogawulayo ngokwaneleyo na emanqindini? (Izimvo)

Sonwabo Nogqala

Intsholongwane kaGawulayo sele iminyaka engaphaya kwamashumi amane iphakathi kwethu. Kuloo minyaka, baninzi abasanduleleyo ngenxa yomvandedwa, ukubukulwa ekuhlaleni, ukugxothwa emisebenzini nasekunqabeni kwenkxaso kwiintsapho zabo. Uyancomeko kodwa umqele owenziweyo ofundisa uluntu kwakunye nokuthintela ukosuleleko lwabantu sesi sifo.

Umdlalo wamanqindi ngomnye wemidlalo enomngcipheko ophezulu wosuleleko lwale ntsholongwane ingugawulayo ngenxa yendlela igazi elidibana ngalo xa iimbethimanqindi zisilwa eqongeni. Nangona iingcali kuphando lwazo zisithi, ayisosiqinisekiso solosuleleko ukudibana kwegazi labantu ababini, kuba xa lowo unayo egazini ewasebenzise kakuhle amachiza ayicinezela ukuze ingamosuleli omnye umntu., ngesilungu bath. Yiyo le nto amatshantlisiyo wona efuna ukuba ziyekwe zidlale iimbethimanqindi ezifunyenwe zinayo intsholongwane ukuba iqondo layo liphantsi uxinezelelo lwayo egazini. Ayikokwam ke oko, mna ndihlaba nje ifolo.

Lo ngumba ekufuneka siwuphathe ngobunono ngenxa yobunzulu bawo. Zininzi imbethimanqindi eza phulukana nobomi bazo ngenxa yokuba noxinizelelo lwengqondo, umvandedwa obangelwa yimpathombi ekuhlaleni kunye nokuphelelwa lithemba ngenxa yokungazi ukuba zakulala zitye ntoni na. Kaloku kwisininzi seembethimanqindi, lo mdlalo wamanqindi uyinto yonke kuzo. Akufuneki kengoko sigibiselane ngodaka, kufuneka size nomkhombandlela oza kusindisa iimbethimanqindi zethu.

Isikhokelo sethu masikwazi ukuphendula le mibuzo ilandelayo:

· Ingaba ukhona umgaqonkqubo (Policy) wokuqubisana nokunqanda olwasuleleko?

· Ingaba kwenziwa ntoni ukuqiniseka ukuba akatyeshelwa bucala othe wachaphazeleka?

Kufuneka kuvulwe isithebe seengxoxo phakathi kwemibutho yamanqindi kunye nemibutho yeengcali zempilo ngalo mba ukuze kuphendulwe le mibuzo ngobunono nobulali. Ndiyitsho le nto ndiyazi ukuba ebekhe akhona amalinge kodwa afa namthanyana ngenxa yemeko esingenakuzibeka esidlangalaleni. Nokuba iimeko zithini na, zona iimbethimanqindi ziyaphela kufuneka isisombululo.

Inqaku elakhe lavela kwelinye iphephandaba kweli phondo, lacaphula esinye isikhulu samanqindi sithetha ngendlela iimbethimanqindi ezenza ngayo ukuzifihla ubume bazo kugawulayo. Sathi ezinye zide zifake ubumi bezinye emngciphekweni. Le nto ibonisa obubuzaza endithetha ngabo. Masimeni ngenyawo sikhangele amacebo okuqubisana nengxaki ephambi kwethu emanqindini. Akukahlwi ke masiyeni kutheza amacebo kusakhanya.

Izimvo zikaSonwabo Nogqala