Kusafuneka alwele indawo yakhe uMajoro

Umdlali we-Orlando Pirates uLehlohonolo Majoro kuvakala ukuba usajonge ukuba lime njani na ikamva lakhe nje- ngomdlali kweli qela kwaye uzibhebhethile iingxelo zokuba angayodlala kwiBloemfontein Celtic.

Lo mdlali uzibone sele engenandawo kwiPirates ingakumbi phantsi komqeqeshi * -Eric Tinkler kwisizini ephelileyo. Abadlali abafumene ithuba kwaye bamvalela mpela nguTendai Ndoro noThamsanqa Gabuza. Ukufakwa kwenzalelwane yaseGhana uBernard Morrison ngaphambili kwiPirates kungamvalela mpela uMajoro nakule izayo isizini. Ebutsheni bale veki bekukho amarhe okuba lo mdlali angabhengezwa njengomdlali weBloemfontein Celtic. Umtu ovele nala marhe uthe le nto sele isondele ekugqityweni. Nangona kunjalo ukuba intetho kaMandla Mthembu omele uMajoro iyinyaniso, lo mdlali ingathi usenomdla wokuzibonakalisa kwiPirates. Unethemba lokuqala ekuqaleni kwakhona phantsi komqeqeshi omtsha uMuhsin Ertugral.

“Ngaphandle kwamathandabuzo uza- kubuyela kwiPirates kwaye ukujonge ngamehlo abomvu ukusebenzisana nomqeqeshi omtsha. Eli qela linomqeqeshi omtsha loo nto ithetha ukuba wonke umntu uzakufumana ithuba lokuqala umdlalo phantsi kwakhe,” utshilo uMthembu kumakhasi eendaba. Into exakayo kukuba isivumelwano sikaMajoro sokudlala kwiPirates sele sisondele ekupheleni. Ngelixa yena * -Ertugral esaxakeke eFrance apho ancedisa khona i-FIFA kwitumente ye-Euro.