Kusafuneka baqinise umqolo abeChippa

UClinton Larsen unethemba lokuphuncuka ezembeni ngekokuba iqela lakhe lisiya kwiFree State Stars

Kukho imidlalo eliqela eza kubanomtsalane ebantwini. Omnye waloo midlalo ngophakathi kweFree State Stars neChippa United ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo kwibala ekuthiwa yiGoble Park Stadium.

Eyona nto ebangela lo mdlalo ukhetheke kukuba udlalwa ngamaqela alwela ukusinda ezembeni.

Ikwindawo yeshumi elinesihlanu iFree State Stars, kanti yona iChippa United ikwindawo yeshumi elinesine. Omabini la maqela alingana ngamanqaku, ohlulwa ngamagowuli kuphela.

Lo nto ithethe ukuthi iqela ngalinye liza kube lisilwela ukusuka phaya emsileni. Likhona ithemba kwiChippa ngenxa yendlela eqhube ngayo ukuzothi ga ngoku phantsi kwesandla sikaClinton Larsen.

Kwimidlalo emithathu, iChippa ibethe iMaritzburg ngo’2-0, yalandelisa ngeMamelodi Sundowns eyibethe ngo’2-1 phambi kokudlala ntanganye ngo’1-1 kwiveki ephelileyo.

Ngumsebenzi omhle kakhulu lowo owenziwe yiChippa ebisoloko isisigculelo samaqela adlala kwiPSL – kodwa nangona kukho ukuzithemba ebadlalini, kufuneka baqinise umqolo emdlalweni wangempelaveki ngoba ubaluleke kakhulu.

Amanqaku amathathu ayakuyithatha iChippa ayibeke endaweni ebhetele kunaleyo ebikuyo kwiinyanga ezidlulileyo.

ULarsen uyakwamkela ukuqhothoza kweqela lakhe kwicala lokucholachola amanqaku – kodwa eyona nto isemqoka kuye kukusuka kweqela kwindawo elihleli kuyo ngoku.

“Kukho umahluko omkhulu eqeleni ngoku xa uthelekisa neliya belisoloko libethwa. Besisazi ukuba ngeke umsebenzi ubelula – ndabaxelela abadlali okokuba kufuneka sifumane iziphumo ezihle ukuze sisuke kwindawo esikuyo,” utshilo uLarsen kutshanje emva kokubuya nenqaku eLimpopo.

Kuthe qabu kuClinton Larsen njengokuba iqela lakhe lenze umtsi omnye phaya ezantsi kwiPSL kwaye unethemba elikhulu phambi kokudibana neFree State Stars esokolayo nayo. “Sisukile emsileni; ngoku singaqala ukuqubisana namaqela angasentla kuthi. Ndizingca kakhulu ngokwenziwe ngabadlali,” utshilo uLarsen.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Polokwane City @Harry Gwala Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates @FNB Stadium, 15:30; Highlands Park vs Bidvest Wits @Makhulong Stadium, 15:30; AmaZulu FC vs Cape Town City @King Zwelithini Stadium, 20:15

NgeCawe: Baroka FC vs Bloemfontein Celtic @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Golden Arrows vs SuperSport United @Sugar Ray Xulu Stadium