Kushiyeke ooxholovane bodwa kwiEastern Cape Rugby Super 14

Amaqela wombhoxo edlala umdlalo we-Eastern Cape Rugby Super 14 kwiiveki ezidlulileyo. Umfanekiso: Facebook

Eyona tumente enkulu yombhoxo kwiphondo leMpuma Koloni iyasongwa emva kwemidlalo eqingqithe iiveki ezingaphaya kwesihlanu. Mane amaqela ashiyekile kulawo alishumi elinesine abeyinxalenye ye-Eastern Cape Super 14 yalo nyaka exhaswe kakhulu lisebe lezemidlalo elikhokelwa nguMphathiswa uFezeka Nkomonye. Ooxholovane abashiyekileyo ngoku yiProgress, yiSwallows, yiPE Harlequins ne-Old Selbornians. La ngamaqela anethuba lokuphakamisa indebe ekhatshwa yimali phambi kokuphela kwale nyanga yoKwindla. Emidlalweni yempelaveki egqithileyo, iProgress ivuthulule iPark ngo’32-12 yatsho yavala imidlalo kaGroup A ebikuye iphezulu.

Emva kwayo kulandele iPE Harlequins, iPark neYoung Leopards kuGroup A. Yona iHarlequins izityele itheko kwiYoung Leopards evuthululwe ngo’33-15. Kanti kuGroup B kukhokele iSwallows ebethe i-Old Selbornians ngo’36-27 emdlalweni obunzima. Nangona la maqela mabini ebethene – kodwa ngawo akwazileyo ukuya phambili emva kokuqokelela amanqaku amaninzi kunamanye. Amaqela aphumeleleyo athelekiswe ngolu hlobo: iProgress iza kudibana ne-Old Selbornians emdlalweni oza kutaka iintlantsi eCentral Stadium, eTinarha, ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Yona iSwallows iza kudlala nePE Harlequins emdlalweni oza kubanjelwa eSisa Dukashe Stadium ngentsimbi yesithathu nayo.

Emva kokuziqaqambisa kwamaqela omane emidlalweni egqithileyo, akukho mathandabuzo, imidlalo iza kuba sezingeni eliphezulu. Kodwa okunika umdlalo kakhulu kukuba iProgress neSwallows zingaphinda zidibane emdlalweni wamagqibelakankqoyi. Ukuba lo nto yenzekile, iya kuba yimpinda yomdlalo wango-2020 owawubanjelwe eBuffalo City Stadium – apho iProgress yagoduka ithe qhiwu indebe yeSuper 14 okokuqala emva kokubetha iSwallows ngo’28-14. Ngokuqinisekileyo iSwallows iza kudlalela ukubuyisa ubunganga bayo embhoxweni waseMpuma Koloni, ingakumbi emva kokuqhuba kakuhle kwiveki ephelileyo nakubeni ibithathelwe amanqaku.