Iyasongwa ngoku ibhobhile kwiBrutten Top 10 exhaswa nguTakkie Town. Amaqela ombhoxo aswantsulisene kwitumente yeBorder Rugby Union kwiiveki ezintlanu ezigqithileyo avelise umbhoxo ongasoze ulityalwe ngabalandeli. Nakubeni isungulwe kulo nyaka – kodwa indlela eqhutywe ngayo ngabaququzeleli namaqela iyancomeka kakhulu.
Kushiyeke ooxholovane abane bamaqela aya emidlalweni yamanqam eza kube ibanjelwe eSisa Dukashe Stadium ekubhalwe kuyo imbali yombhoxo entsha kulo nyaka. Emdlalweni oza kutsala umdla wabantu abaninzi, iWSU All Blacks iza kuxikixana neSwallows. Yona iYoung Leopards idibana neFort Hare Blues.
Oku kwenzeke emva kokuba iWSU All Blacks ibethe iBrothers (United) ngo’33-12 yatsho yahlala phezulu kuPool A. Iphumelele iKomga United ebethe iFB United ngo’25-22 – kodwa ngelishwa, aphumile omabini amaqela. Yona iFort Hare Blues ingombe iLovedale College engakwazanga ukumelanga nezithonga emdlalweni ebekunyanzelekile iwuphumelele.
Idlulele phambili iYoung Leopards evuthulule iBCM ngo’30-8. Amaqela angabethwanga ukusukela oko kwaqala itumente yiWSU All Blacks neYoung Leopards kuphela. Omabini ngamaqela ayingozi futhi anethuba lokuthatha indebe yokuqala yeBrutten Top 10 enike ithuba lokukhuphisana abadlali bombhoxo abakumakhulu amabini namashumi amahlanu.
Abaqeqeshi balola izakhono zabadlali babo ngoku ngoba impumelelo seyivele ngeempondo. Kunyanzelekile iSwallows izimisele njengokuba idibana neWSU All Blacks ezimisele ukuwisa kwa nto ephambi kwayo. Njengeqela ekudala likhona embhoxweni, iSwallows ingancedwa ngabadlali bayo abanamava kwinqanaba eliphezulu.
Kodwa yonke into iya kuxhomekeka kwindlela abaqeqeshi abalungiselele ngayo. Nakubeni iFort Hare inabo abadlali abanokuyinceda iphumelele indebe – kodwa kufuneka ilumke ngoba iza kudibana neYoung Leopards eyingozi futhi eqokelele amanqaku ngaphezulu kwawo onke amaqela athathe inxaxheba kwiBrutten Top 10 eyenze iziqwenga phantsi kweBorder Rugby Union.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10