Kusungulwe itumente yophuhliso eTsomo!

IMahlubini Midas yiyo eyaphumelela kwitumente kwiveki ephelileyo umfanekiso: pedro mapelo

UNomakhwezi Manqaba uqokelela ulutsha lweelali zaseTsomo. Ngenxa yokuthanda ulutsha nenkqubela phambili, uManqaba ozalelwe kwilali yaseWest Bank, uze nombono wokusungulwa kwetumente yebhola ekhatywayo ukuze kukhuphisana kuyo ulutsha laseTsomo.

Kwiveki ephelileyo amaqela asibhozo akhuphisene okokuqala kule tumente ebibanjelwe kwilali yakuGubevu. Amaqela ebhola ekhatywayo athathe inxaxheba kule tumente ngala: Tsomo Masters, Mahlubini Midas, Gubevu Celtics, Amaglug-glug, Mzomhle Blues, East Bank United, Young Brothers naMagwala All Stars.

Imidlalo yokuqala ibiphakathi kweMasters neMahlubini – omnye umdlalo ubuphakathi kweGubevu naMaglug-glug. Yonke imidlalo idlalwe ngokukhulu ukuzimisela futhi kubonakala ukuba iququzelelwe kakuhle ngoba oosompempe abaqhube le midlalo bebeqeqeshiwe. Italente ifele kwiilali zaseTsomo – kodwa phantse njengazo zonke iindawo zabantu abamnyama iswele iziseko zophuhliso. Yiyo lo nto echukumise uManqaba noogxa bakhe ukuze benze le tumente abanqwenela ukuba ibelidlelo lokuncothula italente ngabachongi kwiminyaka ezayo.

“Into ebangele senze le nto apha eTsomo kukuba sibonile ukuba zinqongophele iitumente apha. Abantwana balapha abanayo indawo yokuveza izakhono zabo, kuyanyanzeleka baye eRhawitini, eKapa nakwenzinye iindawo ukuze babonwe. Ngoku sifuna bayazi ukuba itumente efana nale ingabanceda. Kwixesha elizayo sizimisele ukubiza abantu abakhangela italente ebholeni. Enye into esiyifunayo kunyaka ozayo yimidlalo yamantombazana,” utshilo uManqaba.

Le tumente iphunyelelwe yiMahlubini Midas ebethe iYoung Brothers ngo’5-4 kumapenela kumdlalo wamagqibela kangoyi kwilali yakuGubevu.