Baphume ngobuninzi babo abathandi nabaxhasi bombutho weANC phantsi komasipala ombaxa iChris Hani ngeCawe ukuza kuthandazela uzinzo noxolo ngomhla wolonyulo. IChris Hani ihambela bonke oomasipala bayo, owokugqibela umthandazo uzakubanjwa eLukhanji ngale Cawa siya kuyo.
Nangona eli qela lizithembile ukuba lizakuphumelela, usodolophu weChris Hani uMxolisi Koyo uthi umtyholi uyathanda ukuthatha amathuba angenelele apho angafuneki khona. Olu dlwabevu lo- mthandazo belukhokelwe ngabefundisi bebhunga leenkonzo nabathi izinto ziyaphumelela xa kukhokeliswe undikhoyo phambili.
UKoyo uthi injongo yokuvula iqonga kubefundisi bengumbutho weANC bafuna ukuphelisa uluvo lokuba lo mbutho awudibani nobuKrestu. Ukwamemelela ukuba abantu kunye neenkokheli zabo ezizakubamela zithethane kakuhle ngendlela enesidima nemvisiswano.
Usihlalo weANC kwingingqi yaseChris Hani nongumgqatswa wokuba ngusodolophu walo masipala umbaxa uKholiswa Vimbayo kunye nonobhala walo mbutho ephondweni uOscar Mabuyane bebeyinkxalenye yalo mthandazo.
Usodolophu waseNgcobo ozakushiya kwesi sihlalo emva kolonyulo uLamla Jiyose ukhumbuze abantu ukuba xa bevota ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo bakhumbule imvelaphi yabo. ‘‘Akukho rhulumente ukhathalela abantu njengorhulumente weANC, ngumntu ovelaphi ke ngoku othi akaqinisekanga ukuba uzakuvota na okanye uzakuvotela bani, kodwa uyawubona umahluko kwindawo ahlala kuyo, khumbulani enikwenzelweyo nithethe ngenikufunayo, umbutho wenu uzakunenzela’’ utsho uJiyose.
Emva kokuyaleza ezi nkokheli kophezulu, zicelelwa amandla nobulumko abantu bonwatyiswe ngomculo, eqongeni kungqisha uLusanda noBetusile Mcinga.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo