Kuthe nco ezintliziyweni zaMabhakaniya emva kokubetha iChiefs emdlalweni weDiski Challenge!

Amakhosi abethwe yi-Orlando Pirates emdlalweni weDiski Challenge obubanjelwe eDobsonville Stadium namhlanje. Umfanekiso: Asidlali/Twitter

Kuthathe
imizuzu engamashumi asibhozo anesihlanu yonke ukuze kubekho iqela eliphumelelayo
emdlalweni wedabi laseSoweto kwiDiski Challenge namhlanje eDobsonville Stadium.
Kuthe nco entliziyweni zabalandeli be-Orlando Pirates emva iqela labo libethe
iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obumhle ngale njikalanga yanamhlanje.
Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe nguSimiso Bophela kwisiqingatha
sesibini somdlalo. UShaun Bartlett ebengumqeqe weChiefs edlala kwiDiksi
Challenge namhlanje ngoba u-Arthur Zwane uncedisa uMolefi Ntseki kwiqela
lesizwe eliza kuqubisana neSudana emdlalweni ohlahla indlela eya kwi-Afcon
ngomso e-Orlando Stadium. Ikwazile ukusilawula isiqingatha sokuqala iChiefs –
kodwa ayikwazanga ukufaka ibhola emnatheni. Amakhosi adlale umdlalo omhle –
kodwa iBucs ebingenalo ulwamvila, izamile ukuyithintela iChiefs ebifuna ukufaka
igowuli.

Image

Kuyiwe
kwixesha lokuphuma kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. AmaBhakaniya anyuse
igiya kwisigaba sesibini. Unozinti weChiefs, uBontle Molefe, ebexakeke
ngaphezulu kukaKopano Thutsane wePirates. Abadlali abathe badlala kakuhle
kwiPirates emdlalweni wanamhlanje baquka uBophela, uKagiso Mmadisha noSizwe
Jaca. Kanti kwiChiefs bekukho uNkosingiphile Ngcobo odlale umdlalo wonke emva
kokukhonkxwa kukonzakala ixesha elide, uNjabulo Blom noDarrel Matsheke oye
wachongwa njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni. Impumelelo yanamhlanje ithathe
iBucs yayibeka kwindawo yesithathu kwiDiski Challenge. Kule isizini yeDiski
Challenge, iBucs iqokelele amashumi amabini anesixhenxe emidlalweni elishumi
elinesine. Phezulu kuhleli iMamelodi Sundowns ebethe iSuperSport United ngo’6-3,
emva kwayo yiBidvest Wits. Umqeqeshi wePirates, uGlen Salmon, uvuye kakhulu
emva komdlalo watsho esithi abadlali bakhe benze kanye into ebifuneka
emdlalweni.

Image

Chiefs: Bontle Molefe, Darrel Matsheke, Khumbulani
Ncube, Kefiloe Mojaki, Wandy Khwinana, Tshepo Myeni, Nkosingiphile Ngcobo,
Njabulo Blom, Lebohang Lesako, Yaseen Buting, Keletso Sifama.

Pirates: Kopano Thutsane, Siyabonga Buda, Thabiso
Sesane,Katlego Ramonyai, Sizwe Jaca, Lehlohonolo Mofokeng, Bonisile Mbangwa,
Kagiso Madisha, Lehlohonolo Sepeng, Sifiso Luthuli, Simiso Bophela.