Kuthe qabu kwiFree State Stars emva kokungomba AmaZulu

Sifiso Mbhele of Free State Stars challenged by Thembela Sikhakhane of AmaZulu during the Absa Premiership 2018/19 match between Free State Stars and AmaZulu at Goble Park Stadium, Bethlehem on 16 March 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokungaqhubi
kakuhle kwimidlalo eliqela edlulileyo ngoku kuthe qabu kwiFree State Stars
ingombe kanobom AmaZulu FC ngemvula yamagowuli amane kwelinye (4-1) emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eGoble Park Stadium izolo. Bekunyanzelekile iFree State
ilungise ukuhlala ngoba ibishiyana kancinci neChippa United ehleli kwindawo
yesibini ukusuka ekugqibeleni kwiPSL. Ifolosi yaseZimbabwe, uMartin Kizza, ibhakuzelise
umnatha kumzuzu wesine umdlalo uqalile. Igowuli lakhe uKizza licacise gca into
ebiyifuna iFree State Stars ebiphantsi koxinezelelo njengeqela ebelidlalela
ekhaya. Azamile kekambe nawo AmaZulu ukudibanisa iibhola esiswini ekhokelwa
ngomdlali wawo odlala kakuhle kakhulu, uSiyethemba Sithebe – kodwa abadlali
beqela ebelidlalela ekhaya bebeqhawula kwabhola eziya kuBongi Ntuli naku-Ovidy
Karuru.

Emva kokuxakeka
konozinti woSuthu ixesha elide, iFree
State
ifake elinye
igowuli ngonyawo oluhle lukaMokhuoane. AmaZulu afumene igowuli emva kwebhola
efakwe nguTalent Chawapiwa phambi komzuzu wamashumi asixhenxe emdlalweni. Ayincedanga
nto lo nto ngoba u-Eleazar Rodgers ufake ipenela emva kokutyhalwa kakubi
emhlabeni kanonzinti. Noxa besekubonakala ukuba umcimbi ucalanye – kodwa AmaZulu
azamile ukulwa. UHarris Tchilimbou ufake igowuli lesine elibe sisikhonwane
sebhokisi yeqela laKwaZulu-Natal. Ngoku iFree State Stars ihleli kwindawo
yeshumi elinesithathu – ezantsi kwayo kukho amaqela afana neBaroka FC, iChippa
United neMaritzburg United ihleli ekugqibeleni. UCavin Johson ebegxeleshe
impumelelo ukuze aphelelwe lixhala lokwenzeka kumaqela asemva kweqela lakhe.

  

Free Stars: Mbambo, Masehe, Mahamutsa,
Mathumo, Mobbie, Tchilimbou, Kizza, Khabane (Mokhuoane), Mbhele, Rodgers, Jantjie
(Hlubi)

Amalalela: Sangare,
Mokhuoane, Dlamini, Jappie, Masina, Hlubi, Makhaula.

AmaZulu
FC: 
Mbatha, Sikhakhane, Mabaliso, Ouro-Akoriko, P.Gumede, Sithebe,
Ncube, Vilakazi, Chawapihwa, Karuru (Ntsundwana), Ntuli (Cele).

Amalalela: Josephs, Van Heerden,
Morton, Ncobeni, Nomvethe, Ntsundwana, Cele.