Kuthe qabu kuDan Malesela emva kokuba iqela lakhe lizuze amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje. oku kwenzeke emva kokuba iMarumo Gallants iquthise iCape Town City ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium ngale njikalanga.
Umdlalo utake iintlantsi zisuka kwisigaba sokuqala ngoba iCape Town City ingene emdlalweni wanamhlanje ikhuthazeke kakhulu emva kokubetha iKaizer Chiefs ne’Orlando Pirates imidlalo ilandelelana.
Ngelishwa lakhe uMuhsin Ertugral, namhlanje iqela lakhe ligoduka limongoza emva kokubethwa ngegowuli elifakwe nguEdgar Manaka ngepenela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMarumo Gallants isenomnqongo nakubeni amathuba okongeza ebekhona emdlalweni.
Uxinizelelo belukwiCity kwisigaba sesibini ngoba yiyo ebingenanto ebhodini. Izamile ukuya phambili – kodwa khange inikwe thuba kakuhle yiMarumo Gallants ebinamandla kuzo zozibini izigaba zomdlalo.
Ukubethwa kwayo iCape Town City kuyivimbe ithuba lokunyukela kwindawo yesine. Nangona kunjalo, uMuhsin usenalo ithuba lokukhuthaza amakhwenkwe wakhe ukuze alwele ukufumana indawo ebhetele xa kusongwa isizini yeBetway Premiership.
Kwelinye icala, iMarumo ifumene ukuphefumla komzuzwana nangona isephakathi kwamaqela alwela ukuphepha izembe. Amanqaku amathathu ayibeke kwindawo yeshumi elinesithathu, ezantsi kwayo yiRichards Bay, iRoyal Am neMagesi ebethwe ngaMaZulu namhlanje.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo